USindiso Magaqa owadutyulwa wabulawa ngo2017.
Image: Facebook
Usapho lwalowo ubuleweyo obesakuba nguNobhala wombutho wolutsha weANC, uSindiso Magaqa, ukwamkele ukubanjwa kobesakuba ngumanejala kumasipala waseMzimkhulu.
Lo mphathi ubanjwe ligqiza elijongene nokubulawa kwabantu bezopolitiko ngoMvulo kwaye uza kuvela kwinkundla kamantyi eMzimkhulu ngoLwesibini.
Isithethi samapolisa kuzwelonke, uAthlenda Mathe, uthi umrhanelwa oneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu (55) ubudala ubanjwe ngoMvulo eMalvern, eDurban, KwaZulu-Natal. Lo mphathi uchazwe ngulowo ugwetyelwe ukubulala, uSbusiso Ncengwa, ekunye noSekela Somlomo weNdlu yoWiso-mthetho ongasekhoyo, uMluleki Ndobe, njengoongqondongqondo bokubulawa kukaMagaqa.
Esabela kwezi ndaba, uGqirha Lwazi Magaqa uthe usapho luyavuya kuba oyena mntu wabulala umntakwabo sele ebanjiwe, watsho esithi usapho luza kukhupha ingxelo ebanzi emva kokuvela kwakhe ngoLwesibini.
“Siyavuya kuba ede wabanjwa, kodwa siza kunika izimvo zethu ezipheleleyo emva kokuvela kwakhe ngomso [ngoLwesibini],” utshilo uMagaqa.
Kutshanje uNcengwa ugwetywe iminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) entolongweni kulandela ukulivuma kwakhe ityala lokubulala nalapho etyhole abantu abaliqela abaquka abamangalelwa ababini, uSibonelo Myeza noMbulelo Mpofana.
Umtyholwa wesithathu, uMlungisi Ncalane, akazukuyibona imini yakhe enkundleni nanjengoko kuthiwe akaphilanga ngokwasengqondweni kwaye uvalelwe kwiziko labagula ngengqondo.