Iindaba

Kukho nobhinqileyo kwababanjelwe ukudubula obenguMbhexeshi waseMalahleni!

Abongile Ginya|Published

UMbhexeshi waseMalahleni kwisithili iChris Hani uXoliseka Lali nodutyulelwe kwigumbi lakhe kuKomani kuMvulo weveki ephelileyo.

Image: Facebook

Bayavela kusasa ngoLwesithathu phambi koMantyi wakuKomani abarhanelwa abathathu, amadoda amabini kwakunye nenkosikazi enye malunga netyala lokudutyulwa kobenguMbhexeshi kuMasipala waseMalahleni phantsi kwesithili iChris Hani uXoliseka Lali (43).

ULali ubhaqwe ngoMvulo kwigumbi lakhe eliseSouth East Village, Westbourne, kuKomani, sele ebhubhile enamanxeba okudutyulwa kumzimba ongentla, ebhaqwa ngubhuti wakhe obethunywe ngunkosikazi wakhe ukuba ayokumkroba emva kokuba engasabeli ifowuni uLali.

UBrigadier Nobuntu Gantana uthi uphando olwenziweyo luye lakhokela eMthatha. NgoLwesibini baye babanjwa abarhanelwa abathathu nabaphakathi kwama37 ukuya ku42 ngokweminyaka ubudala. UGantana uthi abarhanelwa baye bathathwa bayokuncwinwa ngemibuzo. Sithetha nje baseziseleni belindele ukuvela kusasa kwaye babekwe ityala lokubulala.

UMajor General Thandiswa Kupiso uqwhabele izandla abeProvincial Serious Violent Crime Unit, ngomsebenzi abawenzileyo nangokulandela kumkhondo abawufumanayo nobuye neziphumo ezihle.

Umbutho weANC ubhengeze ukuba ngoLwesithathu olu suku kuza kube kuvela abarhanelwa ezinkundleni, kuza kube kuqhuba inkonzo yesikhumbuzo kaLali kwiholo laseMtsheko ukuqala ngentsimbi yeshumi elinanye.