Iindaba

Kukhangelwa odubule ititshalakazi yaseMqanduli!

Abongile Ginya|Published

Kudutyulwe inkosikazi (55) nengutitshalakazi kwisikolo saseMqanduli ngentsasa yangoMvulo.

Image: IOL

AmaPolisa aseMpuma Koloni abongoza uncedo kuye nabani na onokuba nolwazi malunga nesehlo sokudutyulwa kwetitshalakazi (55) edutyulwe yabhubha ngentsasa yangoMvulo.

Ngokwengxelo yamaPolisa, esi sehlo sokudutyulwa kwale titshalakazi senzeke emva kwentsimbi yesithandathu (06:30) kwilali iMkhumsheni kuNyezi eMqanduli ngethuba ehamba ngemoto yakhe lo titshalakazi esiya kuGqengqe apho asebenza khona. Ingxelo iqhuba ithi ixhoba lidutyulwe yindoda ebihamba ngenyawo.

UCaptain Welile Matyolo uthi, ngethuba lidutyulwa ixhoba belikhwele namakhwenkwe amabini azizihlobo kulo naphakathi kwe17 ukuya ku20 ngeminyaka ubudala nasindileyo nanjengoko aye abaleka.

UCaptain Matyolo ubongoza onokuba nolwazi ukuze kubanjwe umrhanelwa atsalele umcuphi oyintloko kwisikhululo saseMqanduli, uLieutenant Colonel Ngqeleni ku083 984 4226 okanye 08600 10111 kungenjalo atyelele kwisikhululo esikufutshane naye.

Amapolisa athi okwangoku akukabanjwa mntu kwaye unobangela awukaziwa kusaphandwa.