Umpu kwakunye neembumbulu ezintandathu ofunyenwe kumzi othile eUpper Lotana kuQumbu kugqogqa lwePublic Order Police.
Image: SAPS
Kugqogqo obelusenziwa ngamaPolisa ogcino cwangco esidlangalaleni aseMthatha ngempelaveki, abambe inkosikazi (51) yelali yaseUpper Lotana kuQumbu ngokuba beyifumene inompu i9mm Norinco uneembumbulu ezintandathu kwaye engenazimpepha mvume.
UCaptain Welile Matyolo uthi, amaPolisa afike kweli khaya lale nkosikazi ezinzulwini zobusuku enewaranti yokugqogqa nabaye bafumana lo mpu uphakathi komatrasi webhedi.
UMatyolo uthi, kuphando luye lwabonisa ukuba umnikazi wompu lo ngowendoda (53) yaseMazantsi Afrika eCarolusberg kude kufuphi naseSpringbok kwaye zange uchazwe njengokuba ulahlekile.
Ingxelo ithi uphando luyaqhubekeka malunga nompu, le nkosikazi ijongene netyala lokuba nompu ongenazimpepha kwanokuba neembumbulu.
"Siza kuqinisekisa ukuba uluntu lwesithili iOR Tambo baziva bekhuselekile. Mabazive bekhuselekile sincothule nemipu engekho semthethweni. Sikwaqhwabela izandla oogxa bethu ngomsebenzi omhle abawenzileyo ngethuba beqhuba nephulo lokugqogqa," utshilo uMajor General Norman Modishana.