Iibhokisi zoononkala baselwandle ezixabisa izigidi zeerandi nezifunyenwe zilayishwe kwimoto ePort Alfred ngorhatya lwangeCawe.
Image: SAPS
Ngamadoda amabini ekulindeleke ukuba avele phambi koMantyi wasePort Alfred nesele isaziwa njengeCawa malunga netyala lokubhaqwa noononkala baselwandle (lobster) nabaxabisa imali engapha kwesigidi seerandi (R1.2 million) ngorhatya lwangeCawe.
Ingxelo ephuma kuWarrant Officer Majola Nkohli, ithi, amaPolisa iPort Alfred K9 Unit ebepatrola kwindlela uR72, ngethuba beqaphela imoto erhanelekayo iToyota Light yabe ijongise ngakwindlela eya ngaseMonti.
UNkohli uthi, ekumisweni kwayo le moto yiK9 Unit, behlikile babuzwa imibuzo emva koko kwayalelwa ukuba bavule umva wemoto wabo nalapho kuye kwafunyanwa iibhokisi ezinemisila yoononkala baselwandle.
Abarhanelwa abakhange baziveze iziqinisekiso zemvume yokushishina okanye ukulayisha olu hlobo lokutya kwaselwandle bezicelwa ngamapolisa. Umthamo waba oononkala baselwandle wawuyi822.76kg noxabisa iR1 200 000. Abarhanelwa baye babanjwa bayokuvalelwa.
Ngokweminyaka ubudala abarhanelwa baphakathi kwama34 kwakunye nama62.