Kusenokwenzeka ungapasiswa umthetho oyilwayo nongundabamlonyeni waseMelika oza kohlwaya iinkokeli zeANC.
Image: AFP
Owayesakuba ngunozakuzaku woMzantsi Afrika ukholelwa ukuba umthetho oyilwayo owaziswa kwiPalamente yaseMelika, oza kuphonononga ubudlelwane noMzantsi Afrika kunye nokuwisa izohlwayo kwezinye iinkokeli zeAfrican National Congress (ANC), uza kupasiswa [ube ngumthetho].
I-IOL inike ingxelo ngoLwesithathu ukuba umthetho oyilwayo ujonge ukuphonononga kwakhona ubudlelwane phakathi kweMelika kunye noMzantsi Afrika, kwaye uchonge iinkokeli zikarhulumente ekufuneka zinikwe izohlwayo, uye wapasiswa yiKomiti yeNdlu yaseMelika kwiMicimbi yezaNgaphandle kule veki.
Umthetho wobudlelwane waseMelika noMzantsi Afrika, iUS-South Africa Bilateral Relations Review Act of 2025, waziswa kuTshazimpuzi nguRonny Jackson, ilungu leNkongolo yaseTexas. Umthetho oyilwayo, ukuze ube ngumthetho, kuya kufuneka uvunywe yiNdlu kunye neSenate ngaphambi kokuba utyikitywe nguMongameli uDonald Trump.
Lo mthetho uyilwayo utyhola uMzantsi Afrika ngokujongela phantsi iimfuno zeMelika ngokugcina ubudlelwane obusondeleyo neChina neRussia, amazwe angamahlakani aqinileyo oMzantsi Afrika kunye namahlakani abalulekileyo orhwebo.
Owayesakuba ngunozakuzaku woMzantsi Afrika ePortugal, uGqirha Kingsley Makhubela, ngoLwesine uxelele iNewzroom Afrika ukuba iiDemocrats inamanani, kwaye basenokufumana inkxaso kwezinye iiRepublicans.
"Ngenene, lo mthetho uyilwayo kusenokwenzeka ukuba upasiswe. Ukuba ukhangele amanani, kwiNdlu nakwiSenate, okwangoku, iNdlu inamalungu angama435 kwaye iiRepublicans inamalunga angama219, kwaye ndicinga ukuba iiDemocrats zinama217, ngoko kunokwenzeka ukuba upasiswe. Ngeli xesha kunyaka ophelileyo, xa lo mthetho uyilwayo wawuqala ukuxoxwa ngexesha lolawulo lukaBiden, iiDemocrats ezingama61 zavotela ukuba lo mthetho uyilwayo ugqitywe, noneempawu ezifanayo nale nto siyibonayo ngoku.
"Ekuphela kwento oyibonayo ngoku kukuba kongezwe imiba kulo mthetho uyilwayo. Umzekelo, kukho imibuzo yobudlelwane neTaiwan edlala indima yayo, umbuzo wokungavisisani okwabakho ngenxa yokugxothwa kukaRasool (owayengunozakuzaku woMzantsi Afrika eMelika uEbrahim Rasool), idlala indima kulo mthetho oyilwayo. Ngoko lo mthetho uyilwayo kusenokwenzeka ukuba upasiswe," utshilo.