Iindaba

Kubanjwe abathathu ngokufunyanwa benenyama exheliweyo ebiweyo kwanompu kuQumbu!

Abongile Ginya|Published

Kufunyenwe le nyama yegusha eBhojini eSulenkama kuQumbu ekukholelwa ukuba ibiwe.

Image: SAPS

Baza kuvela phambi koMantyi wakuQumbu kuMvulo weveki ezayo abarhanelwa abathathu abaphakathi kweminyaka eyi19 ukuya kuma25 ubudala emva kokuba bethe babanjwa kwabo ngamaPolisa kuba befunyenwe benompu ungenazimpepha kwakunye benemfuyo ebiweyo.

Abarhanelwa babanjwe kumbindi wedolophu kuQumbu ebusuku emva kwentsimbi yesibhozo izolo uLwesine.

UCaptain Welile Matyolo uthi amaPolisa aqale ngokubamba ababini abarhanelwa bekwibhaki iToyota Hilux Double Cab GD6 2.8, abarhanelwa barhaneleka ngodubulo ebelusandula ukwenzeka kula mmandla. Kufunyenwe imipu emibini i9mm pistol zikhuhlwe inombolo yesiriyeli, iimbumbulu ezisibhozo (8) ijezi yokukhusela iimbumbulu yamaPolisa, umnqwazi owogquma ubuso, ibhalakavu ngamanye, kwakunye nephetshana lokuhlawula xa uthenge imfuyo.

Bane (4) ekulindeleke ukuba bavele phambi koMantyi ngoMvulo kuQumbu emva kokuba bebanjwe ngamaPolisa kwafunyanwa nale bhalaklavu.

Image: SAPS

Kusenjalo, ngethuba kuqhuba uphando kwanogqogqo kuye kwabanjwa umrhanelwa wesine ngezenzo zokuba imfuyo kwilali yaseBajodini apho kufunyenwe iinkomo ezilishumi elinesithathu nekukholelwa ukuba zabiwa kwilali yakuMpehle eSulenkama.

Umrhanelwa (25) uye wafunyanwa ekwanayo nenyama yegusha exheliweyo. Bobane abarhanelwa baza kuvela kuQumbu ngomhla wama28, malunga namatyala abajongene nawo ukuba nompu ongenazimpepha, iimbumbulu kwanemfuyo ebiweyo.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uqhwabele izandla oogxa bakhe abathe balwa umkhwa ophambili wokubiwa kwemfuyo.