ULolitha Kowa oneminyaka esixhenxe ubudala kutyholwa ukuba wabulawa wadlwengulwa ngabamelwane bakhe.
Image: Uthunyelwe
Umbuso udize ukuba uLolitha Kowa owabulawa wazama ukuzilwela ngethuba edlwengulwa wagetyengwa ekuqaleni kwale veki.
Umzimba wentombazana eneminyaka esixhenxe ubudala ufunyenwe unesixhobo sokusebenza (screwdriver) esifakwe entloko.
Umtshutshisi uye wachaza ukuba uLolitha wayenamanxeba okuzikhusela kwaye kwafunyanwa isampuli yeDNA kuye.
Emva kweeyure ubhaqiwe umzimba wakhe, amapolisa abambe ummelwane wale ntwazana, uNokuthula Matyesini, kunye nesithandwa sakhe uOdwa Jack.
ULolitha ugqityelwe ukubonwa ngethuba ebuya esikolweni ngoLwesibini emva kwemini, malunga nentsimbi yesithathu, esithi uyokudlala nomhlobo wakhe oyintombi kaMatyesini.
Kuthe ngentsimbi yesihlanu malanga, usapho lwaya kumkhangela endlini, kodwa umtyholwa kutyholwa ukuba akavuma ukubavulela.
Esi sibini sibonakale sothukile ngethuba besima emaplangeni kwinkundla kamantyi yaseKhayelitsha ngentsasa yangoLwesihlanu. UJack ebebhinqe ingubo esinqeni.
Xa umantyi ebabuza ukuba bayafuna na ukumelwa ngokusemthethweni, baphendula bobabini ngelithi bafuna ukuzithethela okanye ukuzimela.
Baxelele inkundla ukuba abanalwazi ngezomthetho, kwaye emva koko, bakhetha igqwetha laseLegal Aid.
Ngokwengxelo yombuso, abatyholwa babini batyholwa ngokubulala uLolitha. "Uphume esikolweni waleqa endlini ukuyokutshintsha iimpahla, waxelela abazali bakhe ukuba uya kudlala nomntwana womtyholwa.
"Kuthe ngorhatya, malunga nentsimbi ye5:30, abazali baya ukuyokukhangela umntwana kodwa abazange bamfumane. Baya endlini bankqonkqoza akwabikho mntu uphendulayo.
"Ngentsasa elandelayo kwa59-block, umzimba wakhe wabhaqwa lilungu loluntu ngentsimbi yesibhozo kusasa. Ixhoba lalinamanxeba ezingalweni, ebunzi, kunye nesixhobo (screwdriver) esifakwe entloko kunye nekawusi emlonyeni."
UOdwa Jack kunye nesithandwa sakhe uNokuthula Matyesini bavele kwinkundla yamatyala eKhayelitsha ngetyala lokubulala nokudlwengula uLolitha Kowa oneminyaka esixhenxe ubudala.
Image: Mandilakhe Tshwete
Izinja zathunyelwa kwindawo yexhwayelo, apho kwakukho igazi elininzi, kwaye iimpahla zakhe zafunyanwa. Imoto yomtyholwa wokuqala (uJack), yayinegazi kuyo.
Uhlalutyo lomzimba lubonise ukuba kukho amanxeba okuzikhusela phantsi kwamazipho.
Umhlobo owagqityelwa ukubonwa nexhoba sithetha nje ukunye noonontlalontle.
"Bekukho imophu endlini, uMatyesini naye ebesendlini ngethuba kusehla esi sehlo.
"Kwaye abahlali baya endlini izihlandlo ezininzi, zange kubekho umntu ovulayo."
Wavuma ukuba ubungqina abuzange busekelwe kumbono wobuqu okanye kulwazi oluthe ngqo. Umtshutshisi wombuso wacela ityala liphinde libuyele ngomhla wokuqala kweyeThupha ukuze kufumaneka iinkcukacha zebheyile.
Ngaphandle kwenkundla, umakazi kaLolitha, uNtombifuthi Kowa, uvakalise ukuba bachukumiseke kakhulu bakubona aba batyholwa babini.
"Kwakungathi uNokuthula uyazingca ngale nto ayenze kuLolitha.
"Wayefuna ukuphendula umantyi, kwaye olo yayiluphawu lokuba akazisoli ngento ayenzileyo."
Uye wachaza ukuba usapho lwafumanisa ubungakanani bomonzakalo kaLolitha ngoLwesine.
"Ikawusi yayifakwe emlonyeni wakhe, enenxeba engalweni. Ezo nkcukacha zayiguqula imini yethu ebihleli imbi kakade yaba mbi nangakumbi.
"Sifuna inkundla ingabaniki ibheyile bobabini."
Ngaphandle kwenkundla, amakhulu abantu ebeqhankqalazela ukuba bangayinikwa ibheyile.
"Udade wam uqhuba ngcono kakhulu kuba uyayazi ukuba unabantu abayikhathaleleyo le nto yenzeka kuLolitha."
USihlalo weKomiti yamaPolisa uIan Cameron uthe uLolitha uyinxalenye yabantwana abathathu ababulawa mihla le.
"Oko kuthetha ukuba baphantse bangamashumi amabini anesihlanu (25) abantwana ababulawa veki nganye eMzantsi Afrika kunye ne100 ngenyanga.
"Kukho ubhubhani malunga nokubulawa kwabantwana, ingathi baba linani nje, kwaye sele iyinto eqhelekileyo.
"Inokwenzeka njani into yokuba intombazana encinci ibenesixhobo (screwdriver) entloko kunye nekawusi ehlohlwe emqaleni kunye nencindi yobudoda efunyenwe kuye ngethuba besenza uhlalutyo lomzimba?"