Iindaba

Lijongene neshwangusha elezoThutho emva kokuhlaselwa kwabasebenzi

Abongile Ginya|Published

Ibhaki ebisebenza kwindela ekwiilali zaseCofimvaba nehlaselwe izolo ngorhatya kwatyhuthulwa nezixhobo ezithil ngaphakathi.

Image: ECDoT

Lityeli lesithathu kungaphelanga neentsuku ezintlanu kuhlaselwa iimoto zeSebe lezoThutho noKhuseleko loLuntu kwisithili saseChris Hani, kusemva kokuba kuthe kwakhonjwa ngompu umqhubi wenye yeemoto zeli Sebe ezilungisa indlela ngorhatya lwangoLwesithathu eCofimvaba.

Ingxelo ephuma kweli Sebe ithi enye yeemoto zabo eluhlobo lwebhaki ibikwenye yeendlela ezilungiswayo kwiilali zaseCofimvaba ngethuba kufika iqela lamadoda exhobe ngemipu ehamba ngemoto iVW Polo benyanzelisa ukuba umqhubi webhaki amise. Kumqhubi baye bafuna izitshixo zale bhaki batsho bemfaka kwisitulo esingasemva emotweni bakugqiba bamehlisa bamshiya kumganyana.

Ibhaqwe ityhuthulwe ngaphakathi ibhaki yeSebe lezoThutho esebenza kwiindlela zaseCofimvaba.

Image: ECDoT

Isithethi seSebe u-Unathi Binqose uthi, ixhoba likwazile ukufowunela umphathi wakhe kwakunye namaPolisa echaza ngesehlo esimehleleyo. Ibhaki iye yafunyanwa inyengezwe kwihlathi leelali zaseCofimvaba kodwa abarhanelwa sele beyityhuthule le moto. UBinqose uthi ezi zehlo zohlaselo zibuyisa umva umsebenzi weSebe wokulungiswa kweendlela eziyimicelimngeni eMpuma Koloni.

UMphathiswa uXolile Nqatha usikhalimele kwakhona esi senzo. Uthi urhulumente uza kusebenzisa konke anako ukuphelisa nya lomkhuba njengoko unefuthe olumandla kuninzi lwabantu basezilalini abadinga, iinkonzo ingakumbi indlela ezisemgangathweni. UNqatha uthi ezi zenzo zophango zixabe endlelni yokuziswa kweenkonzo eluntwini.

KuLwesithatu weveki ephelileyo kukwahlaselwe abasebenzi abasebenza endleleni besendleleni uR61 besuka ngaseCofimvaba behamba ngeloli etyheli. Le loli iye yabhaqwa inyengeziwe neye yarhuqwa yayokubekwa kwisikhululo samaPolisa saseCofimvaba. Kwabe ngaphambili kwenzeke ezinye izehlo zokuhlaselwa kwaba basebenzi nalapho enye yeemoto yayobhaqwa eXhorha.