Iindaba

Kubhaqwe ababini bedutyulwe kwimizi eyohlukeneyo eSajonisi!

Abongile Ginya|Published

Kudutyulwe umntu ongumama wabhubha kwadutyulwa nongutata wasinda eRhebhu eSajonisi.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

AmaPolisa aseMpuma Koloni aphantsi phezulu ekhangela abarhanelwa ababini ababandakanyeka kudubulo olwenzeke ngobusuku bangoLwesithathu kwilali yaseRhebhu, eGingqi, eSajonisi apho kubhubhe wamnye konzakala wamnye.

Ingxelo ephuma kuBrigadier Nobuntu Gantana ithi, kuqikelelwa emva kwentsimbi yesixhenxe kurhatya lwayizolo ngethuba amaPolisa apatrolayo kula mmandla abizwa yiforam yabahlali besithi kunodubulo olwenzekayo kwilali yaseRhebhu.

Ingxelo iqhuba ithi ekufikeni kwawo amaPolisa agagene nendoda inamanxeba okudutyulwa isaphila kodwa kunzima ukuthetha neye yaqala ngokufumana unyango olungxamisekileyo phambi kokuba ibalekiselwe esibhedlele. Komnye umzi, kwalapha elalini, amaPolisa afike umntu ongumama (55) yena sele ebhubhile enamanxeba amathathu okudutyulwa kumzimba ongentla kwicala lakhe lasekhohlo.

UGantana uthi iziphumo zokuqala zophando zifumanisa ukuba abarhanelwa ababini abangaziwayo baye babaleka ukugqiba kwabo.

AmaPolisa aphanda ngetyala lokubulala nokuzama ukubulala eRhebhu eSajonisi. Kukwabongoza intsebenziswano kubahlali okanye nakuye nabani na onokuba nolwazi malunga nesi sehlo atsalele uSajini Sikweza ku084 405 4530 naku08600 10111 okanye kuMySAPS App.