Iindaba

Kuqikelelwa izantyalantyala zemvula nekhephu eNtshona Koloni kule mpelaveki

Wendy Dondolo|Published

Ngokoqikelelo lwemozulu, iNtshona Koloni iza kubanda kakhulu kule mpelaveki.

Image: iStock

INtshona Koloni ilindelwe yimpelaveki eqhaqhazelis’ amazinyo nanjengoko kulindeleke ingqele ngoMgqibelo, eza nemvula ethe chatha, ukuhla kwamaqondo obushushu, kwanekhephu kule ngingqi ngokoqikelelo lwemozulu.

Ngokwengxelo yeNkonzo yeMozulu yoMzantsi Afrika (SAWS), ingqele kulindeleke ukuba igqugqise kwiphondo liphela ukusukela ngentseni yangoMgqibelo, njengoko imozulu embi ilindeleke ukuba iqhube ukuya kutsho ngoMvulo.

Imvula iza kuqalisa ukuna ngamandla ukusuka ngoLwesihlanu, kunye nemvula eza kuna pha napha kwiindawo ezisembindini kunye nasemazantsi. Nangona kunjalo, imozulu embi kakhulu iqikelelwa ngoMgqibelo.

"Eyona mvula ininzi ilindeleke ngoMgqibelo, ne10 ukuya kwi20mm kwiindawo ezisentshona yeNtshona Koloni kunye nama30 ukuya kuma40mm kwimimandla esezintabeni," ilumkise yatsho iSAWS.

Imimandla eselunxwemeni esemazantsi, kuquka iindawo eziseGarden Route, zisenokubona izantyalantyala zemvula, ngelixa iCape Winelands kunye neOverberg zinokulindela ukusibakala nezakujike ibe yimvula xa kuphela usuku lwangoMgqibelo.

Ukuwa kwekhephu kunokwenzeka kwiindawo ezisentabeni, eziquka iCederberg kunye neMatroosberg, eli khephu liza kukhatshwa ngumoya onamandla okwenza uhambo lube yingozi, iqekelele yatsho ingxelo.

Abasemagunyeni babongoze abahlali ingakumbi amafama amancinci ukuba athathe amanyathelo okhuseleko.

"Uluntu kunye namafama amancinci acetyiswe ukuba alungiselele ingqele ukuya kwiimeko ezibandayo kakhulu, ezimanzi, kunye nomoya, ikhephu, ulwandle olunamandla, kunye nemimoya enamandla," itshilo iSAWS.

Ezi meko zinokukhokelela kwiindlela ezikhukulayo, ukuphazamiseka kwiinkonzo ezibalulekileyo, kunye nobunzima emanzini onxweme ngenxa yolwandle olunamaza anamandla.