Umama uBathozamile Dalindyebo (70) otshe wazinkuni ngethuba kutshiswa urontawuli wakhe elele kumzi wakhe nomzukulwana wakhe ononyaka omnye noye wakhutshelwa ngaphandle ngabo bebetshisa. Ecaleni ngurontawuli otshisiweyo.
Image: Uthunyelwe
Sele eqhushekiwe ngeCawe esisuka kuyo emzini wakhe eBhakaleni eLusikisiki umama uBathozamile Dalindyebo (70) otshiswe wabhubha kwaphela nalo rontawuli ebekuwo ngethuba ehlaselwa ngomlilo esalele ngabantu abangaziwayo. Oku kwenzeke ngomhla wama24 kwinyanga ephelileyo kuCanzibe, nalapho abahlali xa bezokusabela kuba bebebona amadangatya bafike umntwana ononyaka omnye, nongumzukulwana wexhoba obehlala naye, ekhutshiwe ebekwe phandle.
Usapho kwakunye nabahlali bakholelwa ukuba awutshanga ngempazamo lo mzi ngenxa yezizathu abafike kuyiyo xa bebeyokusabela xa bekubonwa amalangatya. Kuthwa kwafikwa umntwana elile zomela kuye iinyembezi ekhutshelwe ngaphandle kulo rontawuli ngabarhanelwa abo bathe batshisa, kwaye yena umama sele ezinkuni kukutsha ngaphakathi endlini, futhi kuphele kwanto endlini nanjengoko kungashiyekanga necephe eli.
Othethela ikhaya, uLundi Dalindyebo, ethetha neli phephandaba I'solezwe lesiXhosa, uthi umzi wabangcwabi uyalele ukuba abe engcwatywa nanjengoko imeko kamama ibisele imbi. Inkonzo yomngcwabo yona iza kuqhutywa kuMgqibelo esiya kuwo. Usapho luyazithoba – lowo unokuthi olule isandla nanjengoko kutshe necephe kulo rontawuli. Uthi bacela izinto ezinje ngoomatrasi, iingubo, izitya nantoni na enokuthi incedise ukubuyisa isidima somzi kamama uBathozamile.
UDalindyebo uthi noko esi isenzo sibothusile nanjengoko siqala ukwenzeka, savele saqaleka kusapho lakowabo, ukuza kuthi ga ngoku, akukabikho mkhondo okanye umntu abamkrokrelayo belusapho kwakunye nabahlali kuba nabo babhidekile kwaye bothukile.
"Okusenza sibebuhlungu kukuba le yenziwe ngumntu ngabom kuba bamkhuphile umntwana. Sibuhlungu kakhulu ngesi sehlo kuba lo mama simazi njengengomntu obengenangxaki namntu kwaye ibingumama nje obeziselela utywala efana nabanye oomama njengokuba kusenziwa ekuhlaleni," utshilo uDalindyebo. Uthi oku kusabashiye benemibuzo ukuba ngubani umenzi, kwaye xa bekutheni.
AmaPolisa aseSajonisi aquqa ebuyelela kweli khaya esenza uphando ngokokutsho kwengxelo yosapho. Usapho luthi luyoneliseka yintsebenziswano yamaPolisa nangona nje kodwa kungekabanjwa mntu kwaye kungekho nomkhondo.
OweKhula Community Development Project, uPetros Majola, uyalele uxolo ezintliziyweni zabemi beli lizwe esithi nokuba ukone kangakanani umntu, mxolele ungade umthathe umphefumlo. UMajola ukwacengele usapho olu inkxaso kulowo unokuthi olule isandla nanjengoko usapho olu lungathathintweni.
"Ndibongoza sihlalisane ngentlonipho nangothando kwiindawo esikuzo, kwaye kungabikho bani ova ubunzima ngenxa yam nangenxa yakho," utshilo uMajola.
AmaPolisa aseMpuma Koloni aphanda ngetyala lokubulala kwanelokutshisa, okwangoku akukabanjwa mntu malunga nesi senzo.
UCeba wala mmandla umama uMafaka ebengekabuyeli kumyalezo obubhalwe leli phephandaba malunga neenzame zokuncedisa olu sapho lakwaDalindyebo.