AmaPolisa aseMpuma Koloni egade ucwangco kumasango eWalter Sisulu University kusasa ngoLwesithathu kungquzulwano ebeluphakathi kwabo nabafundi.
Image: UCR
Abafundi beYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) kwikhampasi iNelson Mandela Drive eMthatha bavuke ngentseni yangoLwesithathu bamisa ngxi uhola wendlela uN2 phambi kwamasango esikolo sabo kuba bekhalazela ukukhululwa kojongene netyala lokubulala omnye wabafundi – badize ukuba baziva bengakhuselekanga kwaye besoyikisela nobomi babo.
Oku kuza emva kokuba ongumanejala weendawo ezihlala abafundi kule khampasi, uManelisi Mampane (50), ethe wakhululwa ngebheyile yeR10 000 ngoLwesibini nguMantyi waseMthatha nobekwa amatyala afana nelokubulala umfundi ogama linguSisonke Mbolekwa ngaphakathi kumasango esikolo kuTshazimpuzi, kwanelokuba nompu ongekho semthethweni.
Kolu ngquzulwano lubephakathi kwamaPolisa naba bafundi kuye kwabanjwa kwavalelwa abafundi abathathu baseWSU. AmaPolisa aseMpuma Koloni akungqinile ukubanjwa kwabafundi abathathu. UBrigadier Nobuntu Gantana uthi abafundi babanjelwe izityholo zobundlongondlongo esitratweni nokonakalisa izakhiwo kwaye wangqina nokuba akukho mfundi wonzakeleyo nangona bekhona abo bafumene imikrwelwana.
Obembeleyo njengoMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, uMajor General Thandiswa Kupiso, ubongoze abafundi ekubeni bazame ukuthoba imimoya kuvunyelwe ingalo yomthetho idlale indima yawo nanjengoko ityala likaMampane lisaqhuba. Uthi abafundi abanezikhalazo mabalandele imithetho yokuba mabenze ntoni xa umntu enesikhalazo.
Inkqubo yeemviwo isaphazamisekile kule khampasi.
Ingxelo engenayo ithi iKumkani yabaThembu uKing Buyelekhaya Dalindyebo utyelele abafundi baseWSU ngeenjongo zoyokuthethana nabo. Le Kumkani ibisenkundleni nayo ngoLwesibini iyokunika inkxaso usapho lukaSisonke Mbolekwa.