Iindaba

Iqela lesibini lamaBhulu lifikile eMelika

Gcwalisile Khanyile|Published

Iqela lesibini lamaBhulu lifikile eMelika kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu. Amaqela amaninzi amaBhulu kulindeleke ukuba afuduke kwezi nyanga zizayo.

Image: AFP

Iqela lesibini lamaBhulu amhlophe afikile eMelika ngoLwesihlanu, njengoko bebemenywe nguMongameli uDonald Trump ukuba bahlale kweli lizwe njengeembacu phakathi kwamabango obuxoki okubulawa kwabamhlophe kunye nokuphathwa kakubi eMzantsi Afrika.

Bayinxalenye yama8000 abaza kufuduselwa eMelika kwiinyanga ezimbalwa ezizayo, ngokutsho kukaJaco Kleynhans, intloko yoBudlelwane boLuntu kumanyano lwabasebenzi iSolidarity.

Kwinyanga ephelileyo iqela lokuqala lamaBhulu aseMzantsi Afrika angaphaya kwama49 afike eMelika emva kokuba kuqeshwe inqwelomoya yabucala.

Oku kusemva kokuba uTrump ngenyanga yoMdumba ekhuphe umyalelo wesigqeba apho iWashington yacaphula uMthetho Wokuhluthwa komhlaba (Expropriation Act) we13 ka2024 njengovumela ukuphathwa kakubi kwamaBhulu.

UKleynhans uthe iqela lesibini lihambe ngenqwelomoya [engekho bucala njengakuqala] ngoLwesine neyafika eAtlanta eMelika ngoLwesihlanu.

"Liqela elincinane, kuquka nabantwana. Amaqela amaninzi aza kubhabha aye eMelika kwezi veki zimbalwa zizayo. Iofisi yozakuzo yaseMelika ePitoli, ngokubambisana neSebe loMbuso eWashington DC, kungokunje ijongane nezicelo ezingama8000, kwaye silindele ukuba iimbacu ezininzi ezingamaBhulu ziye eMelika kwezi nyanga zimbalwa zizayo.

"Bahlala kumaphondo kulo lonke elaseMelika, kodwa ngakumbi amaphondo asemazantsi anjengeTexas, North Carolina, South Carolina, Kansas, Oklahoma, neNebraska," utshilo uKleynhans.

Iingxelo zibonisa ukuba iofisi yozakuzo yaseMelika eMzantsi Afrika iyayazi ukuba 'iimbacu ziyaqhubeka nokufika eMelika zisuka eMzantsi Afrika ngeenqwelomoya eziya kwela lizwe njengenxalenye yenkqubo yokuhlaliswa ngokutsha kwamaBhulu eqhubekayo'.

ISolidarity ithe incede abanye abantu ukuba bayiqonde ngcono inkqubo yokufaka izicelo kwaye ibathumele kubantu abafanelekileyo kumzi wozakuzo waseMelika. Bakwancedise urhulumente waseMelika ekumiseleni abantu abafanelekileyo ukuba bafumane ubume bokuba ziimbacu ezingamaBhulu.

"Eyona nto sijolise kuyo ayingobume bokuba ziimbacu kumaBhulu, kodwa kukufumana iindlela zokuqinisekisa ikamva elikhululekileyo, elikhuselekileyo nelinempumelelo kumaBhulu eMzantsi Afrika. Siqinisekile 100% ukuba uMzantsi Afrika unako kwaye kufuneka udale ikhaya labo bonke abantu bawo," utshilo uKleynhans. 

Wongeze ngelithi malunga ne20% yamaBhulu asele elishiyile ilizwe 'kuba ukuba ahlala, ngebebengaphangeli'.

UKleynhans uthe ebekhankasela kumazwe alishumi ubuncinci ukonyusa uxinzelelo lwamazwe ngamazwe kurhulumente woMzantsi Afrika xa kujongwe ingqungquthela yeG20.

Ethetha ngokugxekwa ukuba le ndlela yeembacu inefuthe lezopolitiko, uKleynhans uthe: "Iinkqubo zeembacu zaseMelika zihlawulwa ngabahlawuli berhafu baseMelika kwaye kuyacaphukisa ukuba imibutho yamazwe ngamazwe kunye namaqela angaphandle acinga ukuba angayalela urhulumente kaTrump ukuba ngubani omele afanelekele ukuba yimbacu. Ukuba abantu baseMelika abavumelani noTrump kule nto, banokunyula uMongameli owahlukileyo kwiminyaka emithathu."