Iindaba

Bakhululwe abathathu, kwashiyeka omnye kwabajongene netyala lokugqumza umzi wabangcwabi

Abongile Ginya|Published

Bakhululwe abarhanelwa abathathu kwashiyeka umrhanelwa omnye eziseleni nozakuvela kwiveki ezayo eMthatha, nabajongene netyala lobuqhophololo kwanokwehlisa imali ngomlenze yenkampani yabangcwabi.

Image: Hawks

Bane abarhanelwa, omnye kubo ngumsebenzi kumzi wenkampani yomzi wabangcwabi eMthatha, abajongene netyala lobuqhophololo kwanokuthoba imali ngomlenze yenkampani, omnye kubo akayinikwanga ibheyile logama abathathu bekhululwe ngebheyile yeR2000 umntu ngamnye.

Aba babanjwe ngabecandelo elijongene nokuphanda amatyala anobuzaza kwiiHawks ezizinze eMthatha zisebenzisana neNPA emva kobuqhophololo ababenze kwimali yeinshorensi begqumza umzi wabangcwabi imali eyiR700 000.

Ngokwengxelo ephuma kwiiHawks ithi abarhanelwa aba, uSibahle Ngubelanga (28), Ngangile Pheliswa (38), Novokoza Chuma (33) kwakunye noFourie Leon (28), babanjwe ngoLwesithathu kwiveki ephelileyo umhla we28 kuCanzibe emva kophando lweeHawks. Ubango lwemali lwenzeke phakathi kweyoMqungu kwakunye neyoMnga ka2022.

ULieutenant Colonel Avele Fumba uthi kutyholwa ngelithi uNgubelanga, ongumsebenzi womzi wabangcwabi elibekekileyo, ibenguye ungqondongqondo kwesi senzo nalapho bathi basebenzisa iizazisi zabantu esele bengcwatyiwe.

Ingxelo iqhuba ithi esi sine, sisebenzise ifomu (BI1663) eye isetyenziswe kwabangasekhoyo, ngenene de yabe imali iyaphuma nabaye babelana ngayo.

Bobane abarhanelwa bavelile phambi koMantyi eMthatha. Abathathu baphuma ngebheyile, omnye obengungqondongqondo ngokokutsho kwengxelo, washiyeka ngaphakathi eziseleni nalapho kulindeleke ukuba afake isicelo sebheyile ngoLwesibini kwiveki ezayo umhla we10 kweyeSilimela 2025.