Iindaba

Ibhaqwe esitalatweni iyodwa eMdantsane inkwenkwana ibixhwilwe kowayo!

Abongile Ginya|Published

Ifumanekile kwaye ikusapho lwayo inkwenkwana eneminyaka esixhenxe (7) yaseQuzini eQonce emva kokuba ibhaqwe yiFlying Squad kwaNU2 eMdantsane ekuseni ngoLwesihlanu iyodwa.

Image: IOL

IiHawks zaseMpuma Koloni zikuqinisekisile ukufumaneka kwenkwenkwana eneminyaka esixhenxe (7) ebixhwilwe ngobusuku bangoLwesibini kule veki phambi koninakhulu wayo eQuzini eQonce.

Inkwenkwana ibhaqwe ngentseni yangoLwesihlanu liqela le Flying Squad kwaNU2 eMdantsane kwaye ingonzakaliswanga.

ULieutenant Colonel Avele Fumba uthi ixhoba livavanyiwe ngokwezempilo kwafumaniseka ukuba alonzakelanga. Kwaye khange kubekho mali ikhutshwayo lusapho.

Le nkwenkwe yaxhwila ngoLwesibini ngabarhanelwa abane (4) nabafika bafuna imali yakungabikho imali bathatha umabonakude wohlobo lwePlasma kwakunye nomntwana babaleka.

UFumba ubongoza intsebenziswano kuluntu ngokubanzi malunga nophando ukuze kubanjwe abarhanelwa nanjengoko bengekabanjwa. Uphando luyaqhuba.

IiHawks zikwayalela abarhanelwa bazizele ngaphambili nanjengoko besenethuba.