Imali kwakunye nezihlangu zamaxhoba amabini athandanayo avingcelwe emzini wabo eMthatha ngabarhanelwa abahlanu (5) kuba befuna imali kaRAF.
Image: SAPS
Amapolisa aseNgangelizwe eMthatha abambe abarhanelwa ababini (2) kwabahlanu (5) emva kokuba esi sihlanu samadoda siqhekeze ucango kumzi othile eOrange Groove nafike kukho ababini abathandanayo bafuna ikhadi le bhanki kuba befuna imali kaRAF.
Ingxelo ithi aba bafike babophelela ngentambo esi sibini kuba bekholelwa ukuba omnye wabo ufumene iimali zikaRAF. Bafune ikhadi ngenkani babe benawo nomatshini wokukhupha imali abarhanelwa emva koko babashiya besababophelele bathatha nezihlangu zexhoba.
UCaptain Welile Matyolo uthi ngokukhawuleza emva kokufumana ingxelo malunga nesi sehlo, amapolisa akwazile ukubamba abarhanelwa ababini, omnye onama28 nomnye onama33 nekulindeleke ukuba bavele phambi kukaMantyi eMthatha ngoLwesihlanu.
AmaPolisa akwazile ukufumana imali eyiR4412,30 yamaxhoba, izihlangu zexhoba ebezithathiwe kwakunye nehamile ebisetyenziswa ngabarhanelwa ukuhlasela amaxhoba.
Abarhanelwa bajongene netyala lokonzakalisa izakhiwo, elokuphanga kwanelokuqhekeza.
Abathathu kwesi sihlanu abakabanjwa basakhangelwa.
UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General uNorman Modishana uqhwabele izandla la mapolisa ngomsebenzi wabo okhawulezileyo.
UModishana ukwabongoza uluntu esithi lowo ufumene izikhuntyu zemali nokuba seyingengoRAF angabe ehamba echaza nakubani na ukuba ubhatelwe iimali zakhe kuba uzibizela amanzi endlini kwizaphulimthetho.