Baselula ngokweminyaka nabakwiziko iJohn X Merriman Child & Youth Care Centre eCambrigde, eMonti, nababetyelelwe ngusomashishini uMan B Tyekana.
Image: Siya Ngcangisa
"Oyena mhlobo unokuthi umthembe ikwanguwe isiqu sakho wena mnt' omtsha hayi omnye umntu ngobomi bakho." La ngamzwi kasomashishini kwezokhuselo waseMonti okwayimvumi yeGqom, uMlindelwa Tyekana nowaziwa ngelikaMan B eMpuma Koloni, ngethuba esomeleza amabanjwa aselula ngokweminyaka eJohn X Merriman Child & Youth Care Centre eCambridge, eMonti.
UMan B utyelele eli ziko ngoLwesibini kule veki apho athe wanikeza nangempahla yokudlala ibhola, ikiti ukutsho, kumabanjwa anagamantombazana nangamakhwenkwe. Ukunikezelwa kwale kiti kwanolu tyelelo lusemva kokuba uMan B ethe wasungula inkqubo eza kujongana nokukhuthaza kwanokuphuhlisa abo baselula ngokweminyaka ekubeni bahambele kude kwizenzo zolwaphulomthetho.
Intetho yosuku kaMan B ibisithi: 'A child in sport never goes to court.'
"Silapha sizokuninika ithemba, sinibonise kwanokunifundisa ukuba akulunganga kwaphela ukuzibandakanya nolwaphulomthetho kuba usithi yindlala. Silapha sizokunixelela ukuba ngenxa yezemidlalo, ungakwazi ukuziguzula kwizinto ezimbi kwaye nokusuka kwiitshomi ezingakusindawo kwaye ukwazi ukuba ukhethe ezo zineenjongo ezintle ngobomi.
UMan B Tyekana esomeleza abaselula ngokweminyaka nabakwiziko iJohn X Merriman Child & Youth Care Centre eCambrigde, eMonti, eyokubanikeza nangekiti yokudlala ibhola.
Image: Siya Ngcangisa
"Iitshomi zingabalahlekisi futhi zinegalelo elibi, kodwa ufanele ukuba ubenomntu wokuthetha, akukhulise kuba iitshomi zezo zakuthi xa zibona inkqubela kuwe zikumonele," utshilo uTyekana.
UMan B ukwakhalimele umba wendlala esetyenziswa njengekhubalo lokuzibandakanya nolwaphulomthetho. "Mna kuqala ndiphuma kusapho olungathathintweni, nto leyo eyandibangela ukuba ndiyeke phakathi kumabanga am aphezulu okufunda ukuze abeza emva kwam bafunde, ndingazange ndazibandakanya nalwaphulomthetho. Endingakutsho imfundo sisitshixo sempumelelo emntwini."
UNontlalontle uBabalwa Mqushulu-Madyibi uxelele la mabanjwa ebengapha kwewaka (1000) ubuninzi nabaphakathi kweminyaka engama13 ukuya ku16 ngokubaluleka kwezemidlalo. Uthi ngenxa yezemidlalo kuninzi ongasinda kuko xa uzibandakanya nezemidlalo.
USekela Ntloko weziko iJohn X Merriman Child & Youth Care Centre, uNthuthu Gugwana, uthe aba bantwana abazozingelosi kuba bophula umthetho bazibandakanya nezinto ezimbi, watsho esithi kodwa ngoku bazama kangangoko ukubakha kwakhona ngomoya wobuntu.
Uthi baneenkqubo abazenzayo ngaphakathi ezibolulekayo ngokwasengqondweni, nangona kunjalo lona iziko eli luyaludinga uncedo olusuka ngaphandle, umzekelo, kuluntu, kuquka nakoosomashishini babucala.