Iindaba

Isilumkiso malunga nomsebenzi womgunyanthi emapoliseni!

Abongile Ginya|Published

AmaPolisa athi awuthengisi umsebenzi wakwaSAPS koko obefake ingqesho makatsalele kwaHR okanye ku08600 10111 ukuqonda ngeenkcukacha.

Image: SAPS

 

AmaPolisa aseMthatha neziphaluka akhuphe isilumkiso kuluntu ekubeni lungazibhaqi sele lubhatala iimali koobhol’intloko abathembisa ngamathuba engqesho kwisebe lesiPolisa, kwaye abo sele benze njalo bangabisaqhubekeka, nabangeka qali babuye umva.

Ngokwengxelo kaCaptain Welile Matyolo, ithi, aba bhol’intloko bagxeleshe kanye abantu abatsha ebebesele befake izicelo zamathuba engqesho abangakhange baphumelele kukhetho lwengqesho ekubeni babhatale ukuze bangene ngokupheleleyo.

UMatyolo uthi imali efunwayo kumaxhoba yiR2500.

“Uluntu luyacetyiswa kwakhona ukuba icandelo likaSAPS alibhatalisi mali kuye nabani na othe wafaka isicelo sengqesho kuSAPS. Nabani na othe wabalixhoba lesi senzo makavule ityala kwisikhululo samaPolisa esikufutshane naye okanye apho ubhatalo beluthe lwenzeka khona aze neenkcukatcha zalowo ebeminka imali, umbhatalisi ngamanye,” utshilo uMatyolo.

UMatyolo uthi kungenjalo lowo ebethe wafaka isicelo sengqesho makatsalele iofisi kaHR ngeenjongo zokufumana ulwazi kwanokuqinisekisa phambi kokuba ababhatale.

Kusenjalo, amaPolisa aseNelson Mandela Bay nawo akhuphe isilumkiso esikhawulezileyo malunga nomyalezo otyhutyha kumakhasi onxibelelwano obhalwe ngesiNgesi owokuba ‘lowo unephupha lokuba liPolisa ePE, makaye kwisikhululo saseMount Road  ngokukhawuleza kuyaqeshwa kwaye afike afune uCaptain Ngcobo, abeneminya ephakathi ko18 ukuya ku35, uqeqesho luyaqala kwiveki ezayo’.

UCaptain Sandra Janse Van Rensburg uthi inkqubo yengqesho yamaPolisa ayihambi kanjalo kungenjalo uluntu malutsalele u0860010111 xa lunento olungayiqondiyo.