UMalume wexhoba uSisonke Mbolekwa (24) odutyulwe wabulawa nguManejala weendawo zokuhla eWSU ngoLwesibini ngethuba esamkela uMphathiswa weMfundo ePhakamileyo kuzwelonke uGqirha Nobuhle Nkabane kulo Sisonke eMatatiele.
Image: Uthunyelwe
Usapho lomfundi odutyulwe wabhubha ngoLwesibini kule veki ngaphakathi kumasango eYunivesithi iWalter Sisulu, uSisonke Mbolekwa (24), luthi lubuhlungu sisehlo esibehleleyo okwenza buhlungu nakakhulu kukuphikwa komntwana wabo kuthiwe akanguye umfundi kule yunivesithi abhubhele kuyo.
Usapho lukuthethe oku ngoLwesine ngethuba uMphathiswa weMfundo ePhakamileyo kuzwelonke Gqirha Nobuhle Nkabane kwakunye noSodolophu, namanina ombutho weANC, etyelele eMatatiele kwikhaya lexhoba ngeenjongo zoyokugxwala emswaneni kwanokuxolisa kolu sapho ngokokutsho kwakhe uMphathiswa.
UMalume wexhoba ethetha phambi kweendwendwe, uthe umazi kakhulu uSisonke watsho esithi le ahambe ngayo indlela ibuhlungu kakhulu khange bayilindele ebebekulindele kukubuya kwakhe enesidanga njengoko eyokufunda.
"USisonke uthunyelwe esikolweni thina simazi efunda apha ekhaya kodwa iingxelo ezifikileyo ezindlebeni zethu zokuba akangomfundi kula yunivesithi zisothusile kwaye zongeza enxebeni nangaphezulu. Yintoni ide ibengathi kudutyulwa umntu ongaziwayo, ingathi ngumntu ebenobungozi okanye umqhekezi. Siyabulela ngokuzikhathaza kwenu Mphathiswa ngokungena kwenu siziva sinethemba," utshilo uMalume wexhoba.
UMphathiswa uGqr. Nkabane uthe: "Silapha sizokulila nani, siyayazi ukuba akukhomzali ulindele ukungcwaba umntwana wakhe, sikhule ngenkolelo yokuba ngumntwana oyakuthi angcwabe umzali wakhe, kungelishwa apha ekhaya khange kubenjalo."
Uqhube wathi ukufika kwabo eWSU bayile kwindawo leyo yexhwayelo baboniswa ngabafundi becacisa nobekusenzeka ngola suku, kulapho athi uNkabane baye baqonda ukuba mabenze ubulungiswa nobuntu ngokuthi baye kwikhaya lexhoba.
"Silahlekelwe ke kuba uSisonke ngomnye wabantwana ebebesele begqiba inkqubo yakhe esikolweni. Kwezi ngxaki sinazo singuMzantsi Afrika, sinethemba lokuba olu lwazi lufunxwa ngabantwana kwiiyunivesithi baza kugqiba babuye bazokuncedisa kwiingxaki ezijongene neli lizwe," utshilo uGqr. Nkabane.
UGqr. Nkabane uqhube wathi uqinisekile ukuba usapho zange lucinge ukuba ngenye imini uyakuthi abuye uSisonke abebuye ngale ndlela azokubuya ngayo. Uthi bekulindelwe ukuba abuye enesidanga azotshintsha impilo yakhe neyosapho.
"Sizoxolisa kusapho ngesehlo esenzeke kumntwana ephantsi kwabantu ekufanele bayamkhusela, angade aphulukane nobomi, ebekufanele ngabo abamkhuseleyo. Siyathembisa kusapho ukuba sakuba nani de kube sekugqibeleni. Siyazithoba sizehlisa nilwamkelwe uxolo ezintliziyweni zenu."
UMphathiswa uthi abakayifumani kwabolawulo okwangoku ingxelo eneempendulo zokuba kwenzeke ntoni.
Usapho luthi usuku lomngcwabo alukabekwa nanjengoko kusazokwenziwa uqhaqho lomzimba.
Umrhanelwa (54) nonguManejala weendawo zokuhlala eWSU eMthatha ubanjiwe emva kwemini ngoLwesine, ujongene netyala lokubulala nelokuzama ukubulala. UBrigadier Nobuntu Gantana uthi mhlawumbi angongezwa amanye amatyala nanjengoko uphando lusaqhuba.