Iindaba

Useziseleni owaseZimbabwe ophake imoto ethwal’imali eMthatha!

Abongile Ginya|Published

Kubanjwe owaseZimbabwe ngokuphanga imoto ethwal'imali eMthatha.

Image: File

Owelizwe laseZimbabwe nosele engumhlali kweli, uJoeson Sithole Muchineuta, 32, useziseleni eMthatha emva kokubanjwa kwakhe ngomhla we11 kule nyanga, ngethuba ephanga imoto ethwala imali kumbindi wedolophu eMthatha.

Uvele phambi koMantyi waseMthatha ngoMvulo kule veki, nalapho ajongene netyala lokuphanga nelokuba nompu ongekho semthethweni. UMuchineuta, uza kuvela kwakhona ngoLwesibini kwiveki ezayo apho aza kufaka isicelo sakhe sebheyile.

Ingxelo ephuma kuWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana ithi, ngentsasa yange11 oonogada benkampani uFidelity Solutions, babefaka imali kumatshini wemali owaziwa ngokuba yiATM luluntu kwisitalato iElliot kumbindi wedolophu eMthatha, ngethuba behlaselwa ngabarhanelwa abathathu (3), bexhobile, nebabezidlulisa njengabathengi.

Iqhuba ithi, esi sithathu sakhomba ngemipu oonogada bebayalela ukuba balale phantsi, ze bathatha imipu. Aba barhanelwa bathatha isixa semali esingachazwanga. Unogada omnye waye wafumana umonzakalo entloko, ze wabalekiselwa esibhedlele eyokufumana unyango olukhawulezileyo. 

Abomthetho ekubizweni kwabo, babona imoto yohlobo  lweFord Everest embala ugreyi ibaleka, ijongise ngaseCircus Triangle Mall, yabe ishiya ngasemva umrhanelwa omnye, owayebaleka ngeenyawo uMuchineuta, nowaye wabanjwa kwisitalato iEagle edolophini, wafunyanwa enompu ongenampepha.