Umfundi kaGrade 4 ubhubhe ngenxa yokuginya isiciko sosiba.
Image: iStock
Ubhubhele esibhedlele umfundi owenza uGrade 4 kwisikolo samabanga aphantsi iMoriting eLimpopo emva kokuginya isiciko sosiba ngempazamo.
Esi sehlo senzeke kwesi sikolo kwisithili semfundo saseCapricorn South emva kwemini ngoMvulo.
Isithethi seSebe uMike Maringa uthi esi sehlo sibi senzeka xa umfundi eginye isiciko sosiba ngempazamo.
UMaringa uthi umfundi uxelele utitshala wakhe ukuba uphefumla nzima.
"Kwathathwa inyathelo elikhawulezileyo lokumbalekisela esibhedlele, nangona kunjalo, iinzame zabasebenzi basesibhedlele azikwazanga ukumsindisa."
UMphathiswa weSebe lezeMfundo eLimpopo uMavhungu Lerule-Ramakhanya uvakalise unxunguphalo ngesi sehlo.
Uye wadlulisa amazwi ovelwano kusapho nakwisikolo.
"Iingcinga zethu nemithandazo ziya kusapho lomfundi ngeli xesha linzima nelibuhlungu. Akukho mzali kufuneka angcwabe umntwana wakhe. Koogxa bakhe nakubafundisi-ntsapho, sibakhuthaza ukuba bahlale bomelele."
UMaringa wongeze ngelithi iSebe lithumele abo bajongana nololuleko lwasengqondweni nasemphefumlweni ukuxhasa usapho kunye nesikolo.