Abarhanelwa abanjongene netyala lokudubula babulale abantu abayi18 bakuNgobozana eLusikisiki, ababini baphumile kweli tyala kushiyeke abathandathu.
Image: NPA
Bavele okokuqala kwiNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika eMthatha abarhanelwa abathandathu (6) abajongene netyala lokubulala abantu abayi18 kuNgobozana eLusikisiki ngomhla we24 kwinyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo.
Ngokwengxelo yesithethi seNPA, uLuxolo Tyali, ithi, ityala nebelikade liqhuba kwiNkundla yeNgingqi yaseLusikisiki, liye lathunyelwa kwiNkundla ePhakamileyo eMthatha, kwaye liye lamiswa kwakhona ngoMvulo kule veki limiselwa inyanga ezayo, uCanzibe umhla we16, nalapho kuza kuvakala khona ukuba amagqwetha akulungele kusini na ukuqala ukuxoxa ityala, neyakuphinda kubekwe usuku lokuqala lokuxoxa.
Aba bajongene netyala sele bebathandathu (6) nguMzukisi Ndamase (46), Siphosoxolo Myekethe (45), Aphiwe "AP" Ndende (25), Bonga Hintsa (31), Mawethu Nomdlembu (36), kwakunye noSongezo Vuma (20) nabangazange bayifune ngokwabo ibheyile kwinyanga ephelileyo ngethuba bevele eLusikisiki.
Ingxelo yeNPA iqhuba ithi aba bakwabandakanyeka ekubulaweni kukaMncedisi Gijana owayenguSopolitiki kwaBhaca. UGijana wabulawa ngomhla we19 kweyeThupha kunyaka ophelileyo.
Kwinyanga ephelileyo ngethuba bevela, abarhanelwa ababini kubo – uLwando Abi (33) kwakunye noZenande Paya (38), umbuso waye wawarhoxisa amatyala ajongene nabo.
UTyali uthi umbuso ukulungele ukuqala kokuxoxa ityala.