Izixhobo zokuloba ezifunyenwe ngabalobi baseMbhashe.
Image: Mbhashe Local Municipality
Ngamanina alishumi elinesine kwakunye namadoda angamashumi amabini eewadi ezohlukeneyo zoMasipala waseMbhashe angawuvaliyo umlomo luvuyo emva kokuba bethe baxhaswa ngezixhobo zokuloba iintlanzi ngeenzame zokususa ikati eziko kumakhaya abo.
Omnye wabathe baxhamla nophuma kwiVukuzenzele Primary Fishing Co-operative eMpume kuGatyana, uMandilakhe Ndabeni uthi, bekukade kunzima kakhulu kubo kuba bebesa loba ngolwahlobo lwakudala likazenzele beloba bengenazo izixhobo zokuloba.
"Besikade siloba isintu singenazo izixhobo kodwa siqhubekeka siloba kuba sineenjongo zokonyusa uqoqosho lwale ndawo ngokuloba ekuhambeni kwethuba. Siyabulela uMasipala ufike kanye ngexesha elihle apho besifuna ukusebenzisana noRhulumente," utshilo uNdabeni.
Izixhobo zokuloba ezifunyenwe ngabalobi baseMbhashe.
Image: Mbhashe Local Municipality
Owasetyhini wabanye babo bathe baxhamla nophuma kwiDwesa Fishing Co-operative (DFC) kwaNgoma kuGatyana, uLulama Mgwetyana, uthi nabo ziza kubancedisa kakhulu ezi zixhobo zokuloba.
UMgwetyana ubongoze abantu abatsha bazibandakanye namathuba anje ukuze bakwazi ukubeka into etafileni. Uthi bayabadinga abantu abatsha ingakumbi xa kufuneka belobile kuba uninzi kwiDFC bangabantu abasele bekhulile.
UMasipala uMbhase uthi eyona njongo yesi senzo kukulwa indlala kunye nentswela-ngqesho ethwaxa ilizwe.
OyiNtloko yePotifoliyo kwicala lwesiCwangciso soPhuhliso eMbhashe, uNomvuyiseko Mgedezi nobenikezela ngezi zixhobo kubalobi, uthe kuluvuyo kubo xa bekwazi ukufikelela kwizidingo zoluntu nanjengoko zikumqulu wesicwangciso i-IDP kuba yiyo enikezela ngomkhomba ndlela.
Related Topics: