Imoto ebehamba ngayo amaxhoba.
Image: Hawks
Yindoda enamashumi amane (40) esebenza njengonogada kwinkampani yakwaG4S eGoli evele phambi koMantyi eSajonisi ngoMvulo malunga nezityholo ejongene nazo ezokuphanga kwanokuxhwila imoto ebihamba oonogada ababini ngempelaveki.
Ingxelo ephuma kwiiHawks zaseMpuma Koloni, ithi, amaxhoba amabini nawo asebenza kwinkampani uG4S eMpuma Koloni ebehamba ngemoto iToyota Etios eNtlaza eLibode. Ehlika emotweni emva kokuva ukuba ibetheka ngemva, ukohlika kwawo ngeenzame zokujonga umonakalo, babone ngemoto iToyota Fortuner engaziwa noba ithe gqi phi imisa ngakubo. Kuye kohlika indoda ebixhobe ngesibham neye yabayalela ukuba mabacambalale phantsi emva koko wathatha izibham ebiphethwe ngaba nogada, babalayisha babashiya ngakwihlathi eliseNgqeleni.
Esi senzo siye safikelela emaPoliseni kwangoko naye afumana le Toyota Etios ngasePantu eSajonisi inabarhanelwa ababini nabaye baphuma emotweni babaleka ngeenyawo kodwa kwabanjwa umrhanelwa wamnye, logama omnye uye wanyamalala. Kuphando kuye kwafumaniseka ukuba umrhanelwa usebenzela kwale nkampani kodwa eseGoli.
Izibhamu kwakunye nezitshixo zoomatshini bemali (ATMs) ziye zafumaneka kumrhanelwa obanjiweyo.
UWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana udize ukuba kusabanjwe umrhanelwa omnye, abanye abakabanjwa kwaye nophando luyaqhubekeka.
Lo mrhanelwa ungaphakathi eziseleni kwaye ngoMvulo uza kube efaka isicelo sebheyile.
UWarrant Officer Mhlakuvana, uthi, igama kwanomfanekiso womrhanelwa ovalelweyo alichazwanga nanjengoko eli tyala linobuzaza.
Related Topics: