Umrhanelwa obanjiweyo ufunyenwe neziyobisi ezixabisa iR720 000. Umrhanelwa obanjiweyo ufunyenwe neziyobisi ezixabisa iR720 000.
Image: ANAHIT GEVORGYAN/iStock
Umrhanelwa, 22, ubanjwe namawaka amathandathu eepilisi zeziyobisi ezibizwa ngokuba yi-ecstasy ezixabisa iR720 000 kwisikhululo seebhasi eMonti ngethuba ibhasi imile ithatha ikhefu. Umrhanelwa kutyholwa ukuba ebethutha iziyobisi ukusuka eThekwini ukuya eKapa.
Oku kubanjwa kuza emva kwephulo lobuntlola eliqhutywa licandelo leeHawks elizinze eMonti elijongene neziyobisi, iSouth African Narcotics Enforcement Bureau (SANEB). NgoLwesihlanu umhla we28 kweyoMdumba 2025, kufunyenwe iinkcukacha zilumkisa abasemagunyeni ngomrhanelwa otyholwa ngokuthutha iziyobisi ukusuka eThekwini ukuya eKapa ngebhasi ehamba umgama omde, ngokutsho kwesithethi seeHawks uLieutenant Colonel Avele Fumba.
"Iingxelo zithi ngentsimbi yeshumi ngomhla wokuqala kweyoKwindla ngo2025, ibhasi yagaleleka kwisikhululo seebhasi iWindmill eMonti, apho abakhweli baye baphuma ukuya kuthatha ikhefu elifutshane. Abasebenzi beeHawks bahlala becuphile, belinda ngomonde ukuba umrhanelwa aphinde akhwele phambi kokuba athabathe inyathelo. Emva kokugqogqa ibhegi yomrhanelwa, amapolisa afumanisa ukuba kukho iphakheji emdaka ngombala ekrokrisayo, nethe kamva yaqinisekiswa ukuba inamawakawaka eepilisi ze-ecstasy,” utshilo uFumba.
Umrhanelwa uye wabanjwa ngoko nangoko kwaye uza kuvela kwinkundla kamantyi yaseMonti namhlanje umhla wesithathu kweyoKwindla 2025, ejongene nezityholo ezinxulumene nokuthutyeleziswa kweziyobisi.
INtloko yeeHawks kwiPhondo ilincomile eli qela ngokuthathela ingqalelo nokuzibophelela ekuchitheni amaqela abophuli mthetho asebenza ngeziyobisi nokuqinisekisa ukuba abathubelezisi beziyobisi bajongana nengalo yomthetho.
Related Topics: