Iindadi zikaK9 uSergeant Makhosane kwakunye noSergeant Nduva abakhuphe imizimba yamakhwenkwe amabini eMthatha Dam. UMFANEKISO: SAPS
Iqela lamakhwenkwe aselula ngokweminyaka ebeliyokuzonwabisa ngokudada emanzini, olo lonwabo luye lwajika lwabazinyembezi emva kokuba kubo ababini abazalanayo abaneminyaka eli12 bathe batshona emanzini abaphinda bavela.
Ngokwengxelo ephuma emaPoliseni, emva kwemini ende kwaye enzima kukhangelwa ngamaPolisa kaK9 aseMthatha kwanawaseLusikisiki, iye yade yabe iyafumaneka imizimba.
UCaptain Welile Matyolo uthi ukufunyanwa kwale mizimba kushiye abahlali beyindindi bevuya – bevuyela ukuba kude kwabhaqwa le mizimba bekwadandathekile sesi sehlo.
UMatyolo uthi idama laseMthatha likhulu de lityhutyhe kwiilali ezikufutshane zakuTsolo.
UMkomishinala weSithili saseOR Tambo uNorman Modishana uqhwabele izandla uSergeant Makhosane noSergeant Nduva ngomsebenzi omhle owokuvumbulula imizimba yamaxhoba. Esi sibini siso esithe sakhupha imizimba ngaphantsi emanzini kweli dama laziwa ngokuba yiMthatha Dam.
Related Topics: