Kukho izinga eliphezulu lobundlobongela obusekelwe kwisini eMzantsi Afrika.
Phuma ndiyakucela
Ndisondela kuwe ndikuleleza ndizithobile,
Ndithi kuwe chitha lo manzi inkukhu ibalekile,
Nawe uyabona ukuba kunyembelekile,
Uthando ngaphakathi kwenu luphelile,
Uwile umkhusane ngenene uwile.
Lolunjani na olungombisayo?
Lolunjani na oludwabisayo?
Lolunjani na olunkulisayo?
Wena ungokhohliswayo,
Wena uza kuba ngobuleweyo.
Uyazibona na ukuba unjani?
Khangela le nkobozeko,
Khangela ezi zivubeko,
Khangela le nkxwaleko,
Uyazibona na ukuba uyaphela?
Wawusa kudlamka unobom,
Wawusa kuba mhle uthandeka,
Wawusa kutyhileka ukhululekile,
Wawusa kuba lulutho kuninzi,
Namhlanje uhlal’ udakumbile kalusizi.
Ufe-mnyama uzele nangamaduma,
Umanxeba-nxeba unemikrwelo neziva,
Utyofu-tyofu awusaboni nangamehlo,
Uqeqeshwe waqheliswa le nkqantosi yembulaleko,
Uza kufel’ emanyalen’ uceng’ int’ engekhoyo.
Uyabonakala musa ukuziqinisa ndiyakucela,
Usengozini enkulu kodwa usengancedakala,
Uhleka ngaphandle ngaphakathi uyabonakala uyakhala,
Uqum’ intlungu ngaphakathi intliziyo ilihlwili,
Ungumntwana womntu nawe le ayiyiyo andivumi.
Yaphelayo nje ingcinezelo kuwe isekho,
Yafunyanwayo nje inkululeko kuwe ayikho,
Benamalungelo nje abanye kuwe awekho,
Benikw’ uthando nje abanye kuw’ oko akukho,
Uhlaty’ iimpama, udutyulwa ngamanqindi ubokoboko.
Mntwan’ omntu phendula ndiyabuza,
Uyazibona na ukuba apha uyaphela?
Uyabona na ukuba apha uza kubulawa?
Awusabuthandi yhini na ubom bakho?
Awusenamsebenzi yhini na ngesidima sakho?
Awusakhathali yhini na ngamaphupha akho?
Awusenamsebenzi yhini na ngempilo yakho?
Unyamezele ntoni na kobu budenge?
Uhlelele ntoni na kwesinje sona isihogo?
Yohlukana noSathana engekakuqwengi.
Mhla wawuzalwa yayiluvuyo nemincili,
Mhla wazalwa bazala yimibulelo benethemba,
Namhlanje uyakhotyozwa egameni lothando,
Namhlanje ubulaw’ uphila nawe ubukele,
Vuka emaqandeni kub’ ayibobom obu!
Uzel’ imivumb’ umzimba wonke,
Ubhondi-bhondi bumpatsha-mpatsha,
Uphaku-phaku ukufuphi kwimpambano,
Ulikhoboka elisentolongweni kaMtyholi yaye uhleli,
Vuka emaqandeni kub’ uza kuf’ ungagulanga!
Ngenye imini uya kuqabuka sel’ uwunabel’ uqaqaqa,
Lo nqevu uya kukuqubula akuqwenge akunqunqe,
Akugqiba angayi kuqamela nditsho nangenqindi kwanongqongqo,
Sikhwaze u “Justice for zibani-bani” kude kutsh’ amazwi,
Kudlul’ iiveki ezimbini kube sekuthe cwaka ngawe ulityelwe.
Phuma kobu bugxwayiba sithulu-ndini uza kufa,
Phuma kula manyala usaphila ndiyakubongoza,
Phuma umphefumlo wakho ungekohlukaniswa nenyama,
Phuma kuba olunje lona uthando alukho ndiyakuxelela,
Phuma o’ yhini! ngaphandle kwakhe kusengaphileka.
~ NguBonke Xakatha
Ngombhali
UBonke Xakatha yimbongi yomthonyama ekwayimbongi yosiba esaze ngobuso elizweni. Sele evelise incwadi equlathe ingqokelela yemibongo yakhe engama60 ethi ‘Yavulek’ ityesi’. Le mbongi ibhala ngayo nayiphi na imiba echukumisa iimvakalelo ukususela kwimiba engezopolitiko, amalungelo oluntu, uthando, engezenkolo, engezoqoqosho, nengendalo ngokubanzi. Sithetha nje uqukumbela incwadi yakhe yesibini ekwayingqokelela yemibongo ajonge ukuyipapasha kungentsuku zatywala. UXakatha ukholelwa ngamandla ekwenziweni ngokubonakalayo kwentetho ethi “Umntu ngumntu ngabantu”.