Iindaba

Babini ababulewe kwindawo yentselo eMaqhinebeni

Tauriq Hassen|Published

Yindoda enamashumi amane (40) kwakunye nobhinqileyo oqikelelwa kumashumi amathathu (30) eminyaka ubudala abaye bangamaxhoba okubhubha emva kokuba indoda angaziwayo ifike kwindawo yolonwabo eMaqhinebeni eMthatha yathulula ngeembumbulu zompu edubula.

Ingxelo ephuma kuColonel Priscilla Naidu ithi, ngoMgqibelo esisuka kuwo emva kwentsimbi yeshumi elinanye ebusuku kungene indoda efike yadubula ingabuzisanga. Kubhubhe wamnye umntu ngoko nangoko kwindawo leyo yexhwayelo, ze omnye wabhubhela esibhedlele emva kokubalekiselwa khona ukuyokufumana uncedo, abathathu basesibhedlele belwela ubomi babo.

Amapolisa avule ityala lokubulala (2) kwanelokuzama ukubulala (3). Akwabongoza onokuthi abenolwazi malunga noludubulo lwenzekileyo atsalele uColonel Wele Victor Nani okanye isikhululo esikufutshane ku 08600 10111.

Kukwabongozwa nabanye abangamaxhoba ababekule ndawo yentselo eMaqhinebeni ekubeni batsalele uColonel Nani.

ULieutenant General Nomthetheli Mene uyalele igqiza lakhe ekubeni likhangele abo benzi bobubi, ukwabongeze nentsebenziswano kubahlali esithi: “Aba bophul’imthetho bahlala kwanathi ekuhlaleni siyabazi. Sicela bahlali nibengamehlo ethu kwaneendlebe zethu njengoko niqhele ukwenza njalo. Asoze siyibukele eyokubulawa kwabantu bethu bengenzanganto,” utshilo uMene.