UButho Vuthela kunye nembasa yeCrown Gospel Music Awards ayiphumeleleyo.
Imvumi ezenzela igama kumculo weGospile uButho Vuthela uthi uswele imilomo eliwaka ngentlokomo nangothando athe walifumana kubalandeli bakhe nabathandi bomculo wakhe nabathe bamnika inkxaso engummangaliso ngethuba egaya iivoti.
Oku kuza emva kokuba ethe wabuya nembasa kwiCrown Gospel Music Awards 2023 kwiveki ephelileyo kwiBest Traditional Song, ngengoma yakhe ethi, ‘Ethembeni Bambelela.’
“UThixo uvuthulule ezaleni wandiphakamisa wandenza umntu nam, khandazi ukuba nam ndibalulekile bendicinga ukuba ngabantu abakwiindawo eziphezulu abavulelwa iminyango kanti nam mntu usuka ezilalini kwizindlu ezinodaka, ikhona into entle uThixo andibekele yona,” utshilo uButho.
UVuthela uthi oku kwakuthi kukhuthaze nabafana naye abaphuma kumakhaya angenamathemba lanto atsala nzima.
“Le ngoma ngenene ibonakalise ukuba inika elathemba lingekhoyo eluntwini. Nongena themba ndifuna aphakame abenethemba ajonge kum kuba kuninzi endidlule kuko,” utshilo uVuthela.
Ukwathe kuye nabani na othe wamxhasa ngeli xesha uyabulela. Ubalule amaqonga eendaba, uthando lwabantu, abezopolitiko, iSebe lezobuGcisa ekwabulela kwanamabandla nabeFundisi bawo athe amvulela iminyango, usapho lwakhe, abantwana, kwakunye nonkosikazi wakhe uMamNtlane uYolanda okwayimvumi naye.