UVuyisani ‘Mr Vee’ Sholo ozenzele igama ngamagwijo esiXhosa aye onwatyelwe kwimicimbi efana nemigidi kwakunye nemitshato, ufumane inkxaso kuluntu eMpuma Koloni emva kokudeleleka: UMFANEKISO: FACEBOOK
Bayanxakama abalandeli bomculo eMpuma Koloni kuquka neemvumi zeli Phondo emva kwempathombi yemvumi uVuyisani owaziwa ngelikaMr Vee Sholo kumnyhadala iFrere Summer Party ibibanjelwe kwaBhaca (Mount Frere).
Lo mnyhadala ububanjwe ngoMgqibelo eUnderground Pub kwaBhaca, iimvumi ebeziphambili nguMr Vee Sholo oyinzalelwane yaseMdantsane eMpuma Koloni, Young Stunna uZykes Magida kwakunye ke nabanye ooDJ.
UMr Vee Sholo nozenzele igama kumagwijo aye asetyenziwe emgidini uthandwe kakhulu ngalo magwijo akhe elinye lawo nguAkalali, ukwafake vidiyo noogxa bakhe becula bonwabile nalapho evakala esithi andiso ‘stranger’ mna ndizityela into zam, nto leyo ibithethwe nguYoung Stunna esithi akanakulala ne ‘stranger.’ UYoung Stunna ogama lakhe lokwenyani nguSandile Msimango, waziwa ngengoma yakhe yamapiano ethi, Adiwele.
Ukuva banzi ngokwenzekileyo omnye ozidinileyo oye wagrumba ulwazi kubaququzeleli baseUnderground efuna ukwazi ngesi sankxwe malunga noSholo uLwando Mtwa, uyicacise kumakhasi onxibelelwano emva kokubona inxakamo, esithi, “Ukuba isahlekelwa isabonwa njenge ‘joke’ le yenzekileyo soze iimvumi zamamanye amaPhondo ziyihloniphe iMpuma Koloni.”
Oku phambili kukuba uYoung Stunna ubonakalise indelelo kokaSholo, ingxelo iqhube yathi uYoung Stunna kwakunye noMr Vee Sholo bebeqeshelwe kwindawo enye yokulala, kodwa hayi kwigumbi elinye, kufutshane nendawo leyo ibizakuba nomnyhadala.
Iqela ebelizokubalanda xa kuzoqalwa umnyhadala khange afune uYoung Stunna ukukhwela noSholo uthe makuqale kuhanjiswe uSholo abuye azokulandwa mva, abaququzeleli benza njengoko myalelo.
Kuninzi nje okwenzekileyo nangaphakathi selefikile khange aphinde afune ukuhlala kwindawo yeVIP ibinoSholo, engakhange kuqala afune nokungena kumnyango weVIP kuba ibinodaka esithi noko izihlangu zakhe ziyabiza, uYoung Stunna uphele ephakama ehamba ebhatalwe imali yakhe egcweleyo engakhange enze ebekuzele.
AbakwezobuGcisa eMpuma Koloni kwaneemvumi ezaziwayo zaseKoloni zihlokomile zixhasa uVee Sholo zikwancoma iUnderground Pub ngamanyathelo ewenzileyo, abo bafana nomsasazi woMhlobo Wenene uLuckeez Mfowethu okwakwezobuGcisa naye kwakunye Nonowa uBethusile Mcinga.
Abaququzeleli nabakulawulo beUnderground bakhuphe imbalelwano bexolisa ngesi sehlo kuluntu lwaseMpuma Koloni batsho bebulela nenkxaso abayifumana kuluntu lwaseMpuma Koloni.
IUnderground ithi iqhelile ukuzisa oosaziwayo abadumileyo esele bezenzele amagama kwindawo yabo abangazange nakanye babanika ingxaki elolu hlobo.
“Okwenzekileyo bekungapha kwamandla ethu, soze nakanye siyinyamezele kwaye siyihlekele eyokudelelwa yimvumi esuka apho isuka khona idelela iimvumi zePhondo kwindawo yethu,” itsholo iUnderground Management.
Abalandeli basaqhubekeka bexhasa uMr Vee Sholo kumakhasi onxibelelwano bekwancoma neqela leUnderground Pub.