UMbuyiseli ‘Sir Godfather’ Blayi, mbukele xa ezakube eyinkabi ethengiweyo ekubeni axwhile omnye wabafazi bakaMxenge kuGqeberha: The Empire.
Kubusuku banamhlanje uLwesine onke amehlo azakube ethe ntsho kumdlalo iGqeberha: The Empire kutshaneli 161, befuna ukwazi ukuba uzakude abhubhe nyani na uBullet nongumfazi omdala kubafazi bakasomashishini owaziwayo eGqeberha uLuzuko Mxenge.
Lo somashishini unabafazi abane, omnye waba bafazi uNozuko uthenge inkabi ezakuthi ixhwile ibulale usisi wabo omkhulu uBulelwa (Bullet) kuba engumqobo endleni yabo yempilo entofontofo. UMxenge ulele esibhedlele kwaye ngoku nguBullet othathe iintambo nonyana wabo uThulani.
Lo nkabi ithengiweyo yinzalelwane kwilali iNcalukeni kuGatyane eMpuma Koloni, uMbuyiseli Blayi nowaziwa ngelikaSir Godfather igama kwezobuGcisa. USir Godfather uzakube evela okukuqala kuGqeberha: The Empire namhlanje ebusuku enguLuyolo apho azakube ezokwenza umsebenzi wakhe wokubulala uBullet ngokuthengwa nguNozuko.
ULuyolo ngokwebali ngumntu obekade esejele ixesha elide ngoku ubuyile eKasi, efika nje wabe sele ebuyela kwakhona kulwaphulomthetho.
USir Godfather akaqali kuvela kumabonakude sele enamava njengoko evele kaninzi kuMzansi Magic. Ukhe wabonakala kumdlalo iSplash enguKing Solomon, kumdlalo iGrootboom and Sons enguMr Dlamini, kwaye sele ekhe wathatha inxaxheba nakwiCape Town TV.
UBlayi, imfundo yakhe enomsila kwezobuGcisa uyifumene eAFDA eKapa. Waqala ngokumana evela kancinci kwiimveliso zikamabonakude (Productions) ezifana noSafe House, noDeath Race Inferno. Kuye esandleni sele enembasa yokuba ngumdlali ogqwesileyo, efumana iBest Actor Award ngokudlala uSparrow ku-Imfihlo Yami ngo2020 kumsitho owawuqhutywa yiMzansi Art & Media Awards.
UBlayi iminqweno yakhe ebomini kukuba ngumlawuli wefilimu (Film Director), kodwa uthi kuqala ufuna ukugqama ekubeni ngumdlali weqonga ophambili.
Uthi abantu ajonge kubo ngabangasekhoyo uMenzi Ngubane owayedlala indawo kaSibusiso kwiGenerations kwakunye noJamie Bartlett owayedlala indawo kaGenaro kuRhythm City.
“Ndakhuthazeka kakhulu ngumsebenzi wabo kwiindawo ebebezinikwa aba babini kuba babezimisela kwaye bezinikela begqama kwinto abayenzayo. Umsebenzi wabo wawukwelazinga labadlali behlabathi,” utshilo uBlayi.
Hlala ungagungqi ke namhlanje phambi komabonakude wakho uzibonele ngokwakho ukuba ingaba uLuyolo uzakuwenza ngokwesicwangciso kusini na umsebenzi wakhe wokuxhwila uBullet.
UBlayi ungamlandela kumakhasi onxibelelwano onke uyafumaneka njengo-Sir Godfather.