UButho Vuthela uzicelela iivoti ngengoma yakhe echongiweyo ethi, ‘Ethembeni Bambelela’ kwiCrown Gospel Music Awards.
“Umsebenzi endiwenzayo ubonakalisa ukuba uyaqapheleka. Ukuchongwa kwam kundenza ndibebuthathaka, ndibenemincili kuba kuthetha izinto ezininzi kum.” La ngamazwi emvumi edume ngokudlamka, itatsalaze isonwabisa abalandeli xa iseqongeni uButho Vuthela.
Amazwi wakhe aza emva kokuba engomnye wabachongiweyo kwiCrown Gospel Music Awards ngengoma ethandwa kakhulu luluntu ethi, ‘’Ethembeni Bambelela” neyingoma yonyaka.
OkaVuthela uzithoba kuni ezicelela iivoti kuni balandeli bakhe ngale ngoma. Xa uvota uthumela umyalezo kanje: Crown 2 kule nombolo 34069. Uthi nokuba inye ivoti iyakuwenza umohluko omkhulu.
UVuthela uthi le ngoma yingoma ethandwe kakhulu ngabantu kuba indanda nakumnatha wonxibelelwano umzekelo kooTikTok, kooWhatsApp kwaye icelwa kakhulu naluluntu koonomathotholo kazwelonke nezasekuhlaleni.
“Le yingoma esondele kakhulu eluntwini kuba uyakukhumbula sisuka kwixesha apho uluntu belukhe lwahlukumezeka kakhulu lanxunguphala lalahlekelwa nalithemba ngethuba kugqugqisa iCovid-19 ngo2020.
“Xa ndisithi, ‘Ethembeni bambelela’ nditsho ngqo kubantu abathe bachaphazeleka ngokohlukana kwabo ngokwasemphefumlweni, ngokwasemoyeni nangokwasenyameni, apho baphelelwe lithemba nyani.
“Apho abantwana bashiyeke bezintloko zamakhaya wabo beshiywa ngabazali, abanye bajongene nentswela-ngqesho abanye bajongene nendlala. Le ngoma ngenene ibonakalisile ukuba inika elathemba lingekhoyo eluntwini,” utshilo uVuthela.
OkaVuthela uqhube wathi okukuchongwa kwakhe kuyakuthi kukhuthaze nezomvumi ziphuma emaphandleni njengaye nathi nokuba ungazalelwa kwindlu yodaka kodwa ngenye imini ungazibona uphezulu kwaye ubom’ butshintshile ngenxa yeenceba zikaThixo. Uthi naye wayengazazi ukuba angabelana neqonga neemvumi ezidumileyo kuma bala amakhulu afana neFNB.
UVuthela okwanguye nomlimi ophumizandla, uthi impumelelo yakhe ebomini ngokomculo nangezoshishino yinkuthazo kwabaninzi abasakhulayo, uthi oku kuyabonisa ukuba kuyahambeka endleleni ayinakuba uphumaphi uzelwe ngubani.
Uqhube wathi kuninzi adlule kuko kodwa ngamandla kaThixo usomelele ukwakhuthaze neemvumi eziphelelwa lithemba ukuba mabaphakame bajonge phambili kuba kuse kuninzi uThixo akubeke bona. Ukomeleze nabalandeli bakhe esithi bangalilahli ithemba babambelele kulo.