Ngomhla wesixhenxe (7) kweyeDwarha kuzabe kumhlophe okwekhephu ePolice Park eMonti xa kuzakube kunxitywe mhlophe ngumntu wonke kumsitho obizwa iAll White. Kuzakube konwatyelwe umculo weentlobo ezohlukeneyo ofana nowokholo, owomjuxuzo kwanalowo upholisa kwezothando.
Oosaziwayo abazakube besonwabisa uluntu lwaseBuffalo City ngabo bafana noBenjamin Dube, Ayanda Ntanzi, Zonke Dikana, Ringo Madlingozi, Sbu Noah, Kelly Khumalo, Butho Vuthela, Putuma Tiso, Zipho Vena kwakunye nezinye iimvumi ezisazakuchazwa ekuhambeni kwethuba.
UBishop Benjamin Dube uthi wonwabile ingathi alisafiki olu suku kuba izakube ikokokuqala ngqa ezokuculela uluntu lwaseMpuma Koloni. UDube uthi umema wonke umntu kuba kuzobakho umthandazo nokuzukisa uThixo.
“Ezinye zezinto ezindonwabisa kakhulu kulo msitho kukuba kuzakube kuxhaswa nabafundi njengoko belikamva lelilizwe,” utshilo uDube
Kulomsitho kaAll White, phambi kokuba uqale kuzakubakho umthandazo noxhaswa lisebe lezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni ukulungisela inyanga kaxakeka ekujongwe kuyo eyoMnga ukunqanda iingozi ezindleleni.
Kukwalindeleke ukuba nalo iSebe lezeMfundo libeyinxalenye ukuthandazisa abafundi njengoko sekujongwe kwiimviwo zokuphela konyaka.
Iingcango ePolice Park ziyavulwa ngentsimbi yeshumi kusasa ongenaye uAll White anganxiba nangohlobo athanda ngalo olufanelekileyo.