UGqirha Khanyisa Nkantsu Sabuka umvotela ku-40439 INGOMA 1122.
Osele enamashumi amabini anesibhozo (28) iminyaka evangela ngomculo wokholo uGqirha Khanyisa Nkantsu Sabuka, nowaduma ngengoma ethi “Ngenani emasangweni” ngo-1995 ukuqala kwakhe ukucula, uzicelela inkxaso kubalandeli bakhe ngokuthi bamvotele kwi-INGOMA Awards.
UNkantsu Sabuka yinzalelwane yaseMdantsane eMonti kwaye sele ziliqela neembasa esele ezifumene oko waqala ukucula.
Ungenele kuluhlu lwe Best Traditional Album, xa uvota uthumela umyalezo ku-40439 ubhale INGOMA 1122 umyalezo uxabisa iR2. Kubongozwa uluntu luvote kangangoko kwaye iivoti ziyavala ngomhla wamashumi amabi anentandathu (26) kwinyanga ezayo uAgasti.
Ukanti uyakwazi nokuba uthumele imali abavelisi bakhe bavote ngokwabo, inkcukacha ungazifumana ku-0781398310.
INGOMA Awards zikunyaka weshumi ziqhuba eMpuma Koloni.