UKUBONGA kuAkhona “Bhodlingqaka” Mafani yindlela yokugqithisa umyalezo, ukuhluthisa kwanokufundisa.
Le mbongi, 33, enkaba iseMakhanda ityunjelwe imbasa yeMbongi eGqwesileyo (Best Poet) kwiMzansi Arts and Media Awards (MAMAs).
Isiphiwo sikaBhodlingqaka sokubonga sagqama kwisithuba seminyaka elishumi eyadlulayo ngethuba eseseArchie Mbolekwa Primary School eMakhanda.
“Ndaqala apho njengembongi eyayimana ukubonga kwimidlalo yeqonga eyayibhalwa nguMnu. Monde Motlhabane, ongumbhali ophume izandla. Kuthe ngonyaka wama2013 xa bendifika eHigh School, eNathaniel Nyaluza, ndaqala ke ndiyimbongi yosiba,” uBhodlingqaka uncokolele I'solezwe lesiXhosa.
UBhodlingqaka uzibandakanye nombongo-ngoma owawusenziwa ngamagcisa asekuhlaleni afana noMegabre , DefBoyz, Shizzo Manizzo noNqontsonqa.
“Nendathi nam ndangena kuwo ukushicelela imibongo yam, ze ngonyaka wama2017 ndakhupha icwecwe ngoncedo lweInternational Library of African Music neShizzo Manizzo Productions elithi Iintonga Zetyendyana.”
UBhodlingqaka akayombongi nje kuphela, kodwa yimvumi, umbhali, imboni negqirha.
Kwimibongo eliqela yakhe kukho othi Ivili Lam.
“Ngumbongo endawenza ngonyaka wama2015 eRhawutini, eSandton Convention Centre kwiRedisa Recognition Awards, ndisebenza kunye noGqirhalwazi uMama uGcina Mhlophe,” kubalisa le mbongi.
UBhodlingqaka ukhe wakhupha umbongo othi Inkululeko ngo2017, mbongo lowo owadala isankxwe kurhulumento.
“Ngenxa yomgca owawusithi ‘Sizenzile masingakhalelwa kuba samyeka umhlaba wazama-wazama, waZuma esholoza ngomtshini wakhe osibethe ephangweni.
“UMphathiswa wobuGcisa neNkcubeko ngelo xesha uPemmy Majodina wandityityimbisela umnwe ngelithi ndingabe ndikhwele eqongeni kwizinto zesebe, kusithiwa ndithukile, de neI'solezwe LesiXhosa leza nenqaku elithi UBhodl' ingqaka ingaba nguBhodl' izithuko?,’’ kuncokola uBhodlingqaka.
Le mbongi inetalente engumangaliso ikhe yenza umbongo othi Imfundo Yamahala kwinkqubo kamabonakude iExpressions.
“Kunyaka ophelileyo ndikhe ndenza umbongo-ngoma othi Yiyo le ngulo ndisebenza nomfi uNqontsonqa.
“Andisakwazi ukubhala ndingenazimvakalelo. Ndichukunyiswa ziimeko zoluntu, ezokuhlala, ndiyakhalima, ndiyakhahlela, ndibhodl'ingqaka ukuhluthisa nokufundisa ndisebenzisa isihobe njengesixhobo sokugqithisa umyalezo ngezibongo zomthonyama. Yimibongo engebuyambo, ukuzingca nokuzithanda kwamaAfrika endiyiphuhlisayo,” kutsho le mbongi.
UBhodlingqaka ukhe waphumelela imbasa kumsitho weSebe lezeNkcubeko, wecandelo leThala leeNcwadi , kumxholo weNational Library Week, nalapho wathi wagqwesa njembongi etshatsheleyo.
Uthi kumenza imincili ukutyunjwa kwakhe kwiiMAMAs.
“Liqonga elihle kakhulu lokwakha amava, nelindenza ndibenelunda ukuma phambi kwesizwe nezinye iimbongi njengembongi etyatyadula ngolwimi lweenkobe,” utshilo.
Xa uvotela uBhodlingqaka ubhala uthi:
MAMA 729 uthumele ku40439 . ISMS nganye ixabisa iR2, umntu angavowuta nakangaphi ngosuku. Umnxeba wokuvota uvala ngoLwesihlanu, umhla wesihlanu kuCanzibe.