WAQALA ngokombelela ekwabethela amakhwenkwe aza kuya entabeni ikatali ngo1997, kanti oko kukugqama kwesakhono sengoma kuNongoma.
Le mvumi, ezenzele igama kwiqela lomculo Amawele kaMamTshawe, ikhuphe ukracaza wengoma entsha ethi ‘Ndiyacikoza’.
Kule ngoma, esele ikwiivenkile zomculo kwi-intanethi, uNongoma ukhankanya amagama abanye abantu abazingcayo ngamasiko nesintu, abanjengoTat' uLoyiso Nqevu nomsasazi weMaskandi kuMhlobo Wenene FM uGudlabatshakazi Bangi.
“Ithetha ngokuxabisa amasiko ethu nobuntu bethu. UTat' uNqevu noGudla ngabanye babantu abazingcayo ngamasiko nenkcubeko yethu,” kutsho uNongoma encokolela I'solezwe lesiXhosa.
Le mvumi ithi ngale ngoma ifuna abantwana nabatsha bakhule bebona ukubaluleka kwesiXhosa nesintu.
Usebenze kuyo noMbuzeni Mkhize, uNyamazana neDriemanskap.
UNongoma, ogama lokuzalwa inguMasibulele Gompo uzalelwe kwilali yaKwaMaxhama, kwaFeni kuCentane.
Kwakungo2009 ngethuba echwetha umzala wakhe owayesesesikolweni ngoko uTornado, esithi mabaziqalele iqela lomculo Amawele kaMamTshawe.
Wayekhe wayinxalenye yekhasethi elalishicilelwe kuMhlobo Wenene leqela labo langee90s iYizo Yizo apho bakhupha ingoma ethi Tshangisa kaSkhomo.
Kunyaka ophelileyo uNongoma ukhuphe ingoma ethi Imfihlo.
“Le ngoma yamkeleke kakuhle kwaye ikhona nayo kwiivenkile zedijithali, uluntu lubonakalise ukuyithanda,” kutsho uNongoma.
Phakathi konyaka ka2004 no2015, uNongoma ukhuphe iingoma eziliqela ezifana noPhuma Langa, Imali Yegazi, Imihla Yam, Inkomo edla yodwa, Social Worker noUyadelela.
Le mvumi ikhe yaphumelela imbasa kumawonga weMpuma Koloni abizwa ngee-ECMAs. Ukanti ngaphambili yakhe yatyunjelwa imbasa nakwiiCrown Awards.
UNongoma ukwabhengeze ukuba uza kusebenza noBetusile Mcinga wegospile kungekudala.
Uthi iMpuma Koloni iyalambatha kwicala lomculo weMaskandi kuba akukho mnyhadala ubekelwe bucala iimvumi zeMaskandi njengamanye amaphondo.