ABATHANDI bomculo waMapiyano baza kujuxuza kude kuse xa bephulaphule iParty yamaVampire.
Le yingoma entsha ekhutshwe yinzalelwane yaseLibode uMzwethemba 'Mshampisto' Mgilazana.
Le ngoma ilandela iingoma zikaMshampisto ezininzi ezinjengePitso Mosimane Song neyingoma eyayikhahlela kumqeqeshi ohamba phambili kweli.
Encokolela I'solezwe lesiXhosa, uMshampisto, 36, uthi le ngoma yeyasemjuxuzweni.
"IParty Yama Vampire lipiyano labantu abakhulu, yingoma yase mjayivweni, yenye yeengoma iiDj eziye ziyidlale phaya ekuzeni kusa ukuvusa abantu ebasele belele,’’ kutsho le mvumi yelali yaseZandukwana.
UMshampisto, osele abelene ngeqonga neemvumi ezifana noPitch Black Afro, Brickz noSpikiri, uthi ngale ngoma ulungiselela ukukhupha icwecwe lohlobo lwe-EP.
IParty yamaVampire yenziwe kwinyanga yoMsintsi, kwaye uMshampisto usebenze noKush London noUltra Lord kuyo.
UMshampisto uzigqamise ngomculo weKwaito, kodwa ukholelwa ukuba elo xesha laloo mculo lafika laphinda ladlula.
“Kaloku ngokuya kuhamba kwexesha nezinto ziyatshintsha, lo nto ithetha ukuthi lafika ladlula ixesha leKwaito kwangena Amapiano futhi ke angenelele. Xa ungumculi kufuneka ukwazi ukwenza lonke uhlobo lomculo,” uzithethelele watsho.
Uthi ukuze angene emculweni wakhuthazwa nguDrencko.
Ezinye iingoma aziwa ngazo ziquka ethi Haymani, Ungamyeki nethi Oncam ncem.