UMSASAZI weNyan’Nyan, uLuyanda Potwana, usaqhubekeka nobizo lwakhe lasebugqirheni.
Kule mpelaveki igqithileyo, uPotwana, wenze umsebenzi woMgoduso kwikhaya lakhe elikwilali yakwaNier eNgqushwa.
Ngoku igama likaPotwana lobugqirha nguMhlekaz’ uThandile.
Encokolela I'solezwe lesiXhosa, uPotwana uthi oku kuthetha lukhulu kuye.
“Obu kaloku bubumna bam, uqobo. Isiphiwo sam. Ngako ke kuthetha lukhulu kakhulu kum oku,” uthethe watsho.
UPotwana uqale ukusabela ubizo lobugqirha kwisithuba seminyaka emibini egqithileyo kwaye uthi sele ewakhenkethe onke amakhabathiso obugqirha.
“Ndizenze zonke izigaba zobugqirha, ndazifukamela zonke iinkundla. Nolugxa olo ndilufukamele, ndinalo - ngoku ke ndiza kunyanga isizwe ngokomoya nangegqabi leyeza.”
Lo msasazi uthi uqale eselula ngokweminyaka ukubonakalisa iimpawu zobizo lobugqirha.
“Iqale ndisemncinci, ndithethe izinto ezinkulu kunam, kothuke nabadala. Nangoku andiyithethi into ingenzeki. Namathongo wam ebendivuka nawo - ebeyichaza into yobizo lwam lakwaMoya neleNtsimbi,” kutsho uPotwana.
UPotwana uthi ukwanguye noMprofeti nanjengoko ezimanye nenkonzo iSambulo Church of Christ in Zion eKwaGubhuza ePort Shepstone, KwaZulu-Natal.
“Andikasebenzi njengoMprofeti okwangoku - ndisalinde ukubekwa ngokusesikweni, ndibekwa nguMprofeti omkhulu uGqr. L. Mkhwanazi - phantsi kwebandla iSambulo,” kutsho uPotwana.
Ukwathe ababukeli beNyan'Nyan mabalindele isizini entsha yesithoba eza kuqala kwinyanga ezayo.