Entsimini

Usomashishini waseMthatha uwongwe kwiimbasa zeSebe lezoLimo

Umbhali Wethu|Published

UZanele Matikinca (ohleli phantsi) uphumelele kwindawo yokuqala kudidi lokulima kwizinga lokurhweba.

Image: DOA

UZanele Matikinca, ongusomashishini ophum' izandla waseMthatha, uphume kwindawo yokuqala kudidi lokulima kwizinga lokurhweba ngokugqwesileyo kumawonga eSebe lezoLimo ebebanjelwe eMthatha kutshanje.

ISebe libambe la mawonga ngoLwesihlanu, umhla wama25 kweyeKhala 2025 ukuhlonipha indima yabasetyhini kwezolimo kunye nokusetyenzwa kwemveliso yezolimo.

Kwingxelo ekhutshwe leli Sebe, uMatikinca uthe kakucingwa ukuba akanakuphinda asebenze nzima emva kokuba enziwe utyando ngenxa yeengxaki zomqolo ngo2010 kodwa wababonisa into abhinqe ngayo xa wayengena kwezolimo ngo2012.

"Ngo2010, ndaba nengxaki nomqolo wam kwaye kwafuneka ndenze utyando, ngenxa yoko ndayekiswa kwathiwa mandingasebenzi nzima. Ndandinikezela ngeenkonzo zokupheka apho ndiye ndaqaphela imarike yokunqunqa imifuno kungoko ishishini lam lokunqunqa nokubonelela ngemifuno liya likhula," utshilo uMatikinca. 

Kuthiwa uMatikinca waqala ukuthenga imifuno kumafama asekuhlaleni, eyinqunqa aze ayifake kwiiplastiki ukuze azithengisele iimarike. Ukwazile ukuyonwabela impumelelo yakhe nabantu abangamashumi amabini (20) abaqeshe phantsi kwakhe.

UMatikinca uthengisa imifuno yakhe kwiivenkile zakwaSpar eMthatha kwakunye neendawo zokutyela neenkampani zasekuhlaleni zokutya.  

Uncome urhulumente ngenkxaso yakhe emva kokuba efumene iloli kunye neveni yokuhambisa imifuno kwakunye nomatshini wokwenza imveliso kunye nefriji enkulu.

"Ndandidla ngokuhambisa iimveliso zam ngesithuthi esingahambelani nemigangatho yokhuseleko lokutya kwaye ngenxa yoko, ndandisoloko ndigxothwa kwiivenkile ezithengisa ukutya. Ndandinayo nefriji encinci eyayingakwazi ukuhlangabezana neemfuno zabathengi bam," wongeze watsho. 

UMatikinca uphumelele iR30 000 iyonke kula mawonga, ngokwengxelo yeSebe.