Amafama alulutsha.
Image: Facebook
Mihla le urhulumente, abezoshishino nezifundiswa zezolimo bahlala bememelela ukuba ulutsha ludlale indima ecacileyo kwiinkqubo zokuveliswa kokutya ngokubanzi kweli.
Ulutsha lephondo laseFreyistata olungamafama ludibene eBethlehem kwela phondo kusuku olukhethekileyo olubizwa ngokuba yiHug a Farmer Day.
Ingxelo ithi la mafama alulutsha adibene ngeenjongo zokuqinisa ubuhlobo phakathi kwabo ukuze bafuthelane ngolwazi ngeenjongo zokukhula kunye kwezolimo.
Ngokwengxelo yeRadio Free State Live, la mafama aphuma kwimingxilo eyahlukeneyo kwezolimo nakubomi babo ngokwemvelaphi yamakhaya abo.
Ilizwe loMzantsi Afrika nehlabathi ngokubanzi lijongene nengxaki yokunqongophala kokutya okubangela ukunyuka kwamaxabiso okutya namafutha okuhamba nokusebenza ezifama.
Ukunyuka kwenani labantu abatsha abathatha inxaxheba kwezolimo kunganceda ukukhulisa umyinge wengeniso eyenziwa zezolimo kwingeniso yelizwe jikelele.
Amaziko emfundo ephakamileyo kweli ahlala evelisa abantwana abaqeqeshwe kwezolimo minyaka le kodwa kusekuncinci okwenziwa ngamafama alulutsha. Abanye kubo bafunda baqeshwe kumazwe angaphandle ngenxa yokunqongophala kwemisebenzi ehlawula kakuhle kweli.
Umzekelo woku ngooGqirha bezilwanyana abathi baphume eziYunivesithi badinge umsebenzi bade barhaliselwe ziimalike zamanye amazwe ngamathuba omsebenzi.
La mafama akwafumene ithuba lokuxoxa banzi ngemiceli mngeni yemihla ngemihla kumsebenzi wabo wokulima nokufuya. Phakathi kwabo ibingamafama avelisa izinto ezilinywayo kwakunye nalawo angabafuyi beenkomo, iibhokhwe neegusha.
Related Topics: