UJohn Steenhuisen onguMphathiswa weSebe lezoLimo.
Image: File Picture
UMphathiswa weSebe lezoLimo kweli uJohn Steenhuisen uthi amafama aseMzantsi Afrika akayindawo.
Oku kulandela ingxolo nengxoko eyenziwa nguMongameli welizwe laseMelika uDonald Trump othe wenza isimemo ebiza amafama weli ukuba ayekuba ngabaphambukeli kwela lizwe.
USteenhuisen uthi akanalwazi lokuba kukho umfama oneenjongo zokuphambukela eMelika. “Amafama aseMzantsi Afrika, nokuba ngamaBhulu, athetha isiNgesi, amnyama, amhlophe, amaNdiya okanye abebala, akayindawo. Asinakwamkela ukulahlekelwa ngamafama apha,” kutsho uSteenhuisen.
Uhambisa athi akothusi ukubona amazwe afana neMelika ebonisa umdla kumafama weli loMzantsi Afrika. “Akothusi ukubona amazwe ehlabathi ebonakalisa umdla wokumema amafama wethu, oku kungenxa yokuba ilizwe loMzantsi Afrika linamafama aphambili asemgangathweni kwihlabathi ngokubanzi,” ucacisa atsho uSteenhuisen.
Uthi amafama woMzantsi Afrika akhuphisana ngempumelelo namafama wamazwe akumantla ehlabathi nakumazantsi wehlabathi.
“Emva kweendibano endiziqhube namafama amakhulu namancinci kweli, ndifumanise ukuba akukho nomnye umfama okulungeleyo ukushiya ilizwe loMzantsi Afrika,” kutsho uSteenhuisen.
Uthi la mafama athetha ngazwi linye ngelithi akayindawo, koko azimisele ukuhlala asebenze kweli loMzantsi Afrika. “Ezolimo eMzantsi Afrika zivelisa iimveliso zolimo ezikumgangatho ophezulu kakhulu ngenxa yoko iimveliso zethu zifunwa ngamandla kwihlabathi ngokubanzi, ngenxa yoku siyakwazi ukungena kwiimalike ezintsha kwihlabathi,” uqhayisa atsho uSteenhuisen.
Related Topics: