UZintle Kwaaiman uxolisile ngokutshatshalaza imbongi eqongeni

Imvumi yaseMonti uZintle Kwaaiman. Umfanekiso: Instagram (@zintlekwaaiman)

Imvumi eyaziwayo yaseMonti, uZintle Kwaaiman, ukhuphe imbalelwano kusasa ngoLwesibini exolisa kwimbongi ayityhale eqongeni ibonga kumnyhadala wezomculo obubanjelwe eNyandeni ngempelaveki.

Kwividiyo ejikeleza kumakhasi onxibelelwano, uZintle ubonakala etshatshalaza intwazana ethile eyimbongi esithi, “Thank you Bhabha.” Emva kokuyitshatshalaza le mbongi, uZintle uthe: “KuLate ngoku guys, fak’ ingoma, kukude eMonti.”

Lo mnyhadala wolutsha ububanjelwe eMngcibe Beach eNgqeleni, phantsi kweemfefe zoMasipala waseNyandeni.

UZintle ukwathe: “Hayi nilel’ eNyandeni, ngekhe. Nilulutsha nyhani?” Esi sehlo asikhange sehle kakuhle kubantu abakumaqonga ezonxibelelwano begxeka uZintle ngokuphatha gadala elinye igcisa.

UZintle uxolisile ngendlela athe waziphatha ngayo. “Ndixolisa ngokungazenzisiyo kubo bonke abathe bachaphazeleka ngendlela endiye ndaziphatha ngayo. Kubelilishwa ukuba ndide ndifikelele apho. Kuye kwabakho ukungavani kunxibelelwano malunga nexesha lam lokukhwela eqongeni,” itshilo le mvumi.

UZintle ukwaxolise kule mbongi nakuMasipala kuquka nakubalandeli bakhe. Le mvumi ithi ikwiinzame zokudibana nale ntwazana (imbongi) ubuso ngobuso apho azakuthi axolise abonakalise nokuzisola. UZintle ukwabulele uMasipala waseNyandeni ngokumnika ithuba lokumandisa kula mnyhadala.

UMasipala waseNyandeni usigxekile esi sehlo esithi akahambisani nokujongelwa phantsi kwamanye amagcisa, ingakumbi aseze ngobuso ezweni.

“Sifuna ukuqinisekisa ukuba iminyhadala yethu yolutsha imalunga nokuvuyisa kwanokuphakamisa italente kulo mmandla kubantu bethu. Yinjongo yethu ukuxhasa zonke iimvumi zethu ingakumbi ezo zisakhasayo, nesifuna babonise italente yabo ngaphandle kokoyika, ukogqunywa okanye ukudelelwa,” utshilo uMasipala.

**"Every artist deserves a platform to express themselves, and recent events at our youth festival remind us of the importance of respect and collaboration in our creative community. As we stand united in our mission to uplift emerging artists, we recognize the need for reflection and growth in our festival practices."**

Date: 17 December 2024

Subject: Addressing Recent Incident at the Youth Festival

The Nyandeni Local Municipality acknowledges this recent incident that occurred during the youth festival at Mngcibe Beach, which has come to public attention through social media. We recognize the concerns raised regarding the behavior of certain individuals during the event, particularly the disruption of a performance by an emerging local artist.

We want to emphasize that our youth festivals are designed to celebrate and uplift emerging talent within our community. It is our mission to create an inclusive and supportive environment where all artists, especially young and local performers, can showcase their work without fear of overshadowing or disrespect.

We are deeply saddened by the incident, as it goes against the spirit of collaboration and encouragement that we strive to promote. We are taking this matter seriously and are committed to protecting our emerging artists by implementing the following measures:

1. **Review of Event Protocols**: We will revisit our event protocols to ensure clear guidelines are in place for all performers regarding stage conduct and mutual respect.

2. **Artist Orientation**: Future events will include an orientation for all participants to foster a culture of support and professionalism.

3. **Feedback and Improvement**: We encourage feedback from the community and artists to help us improve our events and address any concerns that arise.

4. **Public Commitment**: We reaffirm our commitment to supporting local artists and ensuring that our events serve as a platform for their growth and recognition.

We thank the community for bringing this matter to our attention and for your ongoing support of local talent. Together, we can work towards creating a vibrant and respectful artistic environment.

"We will never ever tolerate any behavior that undermines the collaborative spirit we strive to promote, and we will avoid to ever bring on board any individual that doesn't uphold the same collaborative and respectful spirit, in a quest to protect our emerging artists."

For further inquiries or to share your thoughts, please contact us the Head of Communications at 060 980 3042.

Posted by Nyandeni Local Municipality on Monday, December 16, 2024