Abemibutho elwela abathandana besisini esinye (LGBTQIA+) bayawunyevulela umthetho welizwe laseUganda osandula ukupasiswa wokunyhashwa kwamalungelo abo. Bathi oku kubonisa ukuba kusekude ebhakubha kuba bona eMzantsi Afrika basalwela ukwamkeleka kwabo, nekubonakala kusenzima ekuhlaleni, nabathi oku kwakuthi kubabuyisele umva.
Oku kuza emva kokuba uMongameli welizwe laseUganda, uYoweri Museveni kwinyanga ephelileyo evelise umthetho omtsha opasiswe yiPalamente wokuba abavumelekanga kwela lizwe abaGay, ngapha koko ababoniweyo baza kugityiselwa ejele.
Eli lizwe liqale ukuvakalisa lo mthetho ngo2014 njengokuba kulo nyaka uphinde wahlaziywa kwaye weza unemithetho eqatha nangakumbi.
Umsunguli weQN Foundation okwangumsasazi olitshantliziyo labeLGBTQIA+, uQhama Nyamza, oyinzalelwane yaseMdantsane, uthi yona le yenzeka eUganda ayimhlali kakuhle kuba oku kudala iyantlukwano kwanokunyhashwa kwamalungelo abo beyiLGBTQIA+. Uthi kubuhlungu ukuva ukuba abantu abafana naye eUganda bayacalucalulwa kwaye bayabulawa. Uthi ixhala ingaba lo mlilo awunakunwenwela eMzantsi Afrika kusini na, kungoko ebone ukuba makahlabe ikhwelo ngokuthi avakalise izimvo zakhe eluntwini.
“Asikhululekanga kwiAfrika yonke iphela xa kuzocalucalulwa abantu nangesini abaphila naso. Siphila kabuhlungu singabantu beLGBTQIA+. Abanye bayanyevulelwa, bacikidwe, bagxothwe emakhayeni abo ziintsapho zabo. Siyathukwa emabandleni ecawa. Ndinomdla wokhe ndizame ndidibanise uluntu ngokubanzi, amabandla ecawa, kuhlalwe phantsi kuxoxwe, kuthethwe ukuba masivumeleke ukuba nathi siphile, sibe nobomi njengamntu wonke, asilwanga namntu. Singakwazi ukuphila sonke, umntu ngamnye aphile, asimoshanga mntu.
“Singabantwana bakaThixo sonke, ukuba indlela esiyiyo ayimkholisi uThixo, nguye oza kusigweba kanye xa egweba wonke umntu. Masingangcungcuthekiswa ekuhlaleni okungathi singamasela okanye ababulali. Singabantu nathi, sineemvakalelo, sinamaphupha, sineenjongo zokukhula, sonwabele ubomi sonke njengokuba sonke sabuphiwa nguMdali,” udize oku uNyamza.
OyiNtatheli eMpuma Koloni nongathandanga kuchazwa ngagama lakhe nokwalilungu leLGBTQIA+, uthi noko use wayibaxa urhulumente waseUganda.
“Ndiyakrokra akazelanga yena ngokwendlela abaphetheke ngayo abaGay de kude kukhutshwe umthetho onje ingathi ayingobantu kodwa ngabantu. Unzima lowa umthetho, ayamkeleki tu indlela enza ngayo! Kucacukuba oku kuthathwa njengobugebenga okanye ulwaphulomthetho xa beza kude babulawe okanye bagityiselwe ejele ngobubona phofu,” uvakalise oko.
UMlawuli weLihlume Media Company eyavelisa umdlalo obhentsisa ukungcikivwa kwabathandana besisini esinye, uNombulelo Damba-Hendrick, uthi okubalulekileyo phambi kokugxeka abeLGBTQIA+, uluntu malukhe luzame ulwazi kuqala kuqondwe ukuba kutheni aba bedalwe olu hlobo badalwe ngalo, okanye kutheni beneemvakalelo ezinje nje.
“Le yaseUganda yona iyothusa kakhulu. Ifuna urhulumente wapha akhe abuyele ezingqondweni ngokuba ukugweba asikokwethu. Uza kuphilisa kabuhlungu abantu kuba ukubagibisela ejele okanye ukubabulala, lo nto ayithethi ukuba baza kuyeka ukuthandana okanye kutshintshe iimvakalelo. Aba bantu bafuna ukwamkelwa kwanokuhlonitshwa ngoba ngabantu abazalwa nathi kwaye ililungelo labo, baziphilela ubom babo,” utshilo uDamba-Hendrick.
Inkokeli yeEFF uJulius Malema ukukhalimele kabukhali oku ngethuba lo mbutho ubambe umngcelele kutsha nje phambi kweOfisi yaBemi baseUganda ePitoli emva kokuvela kwalo mthetho. UMalema uthi amalungelo abaGay ngamalungelo oluntu nawo. UMalema ubongoze uMuseveni ekubeni angakutyikityi oku kuba kwakukhokelela ekubeni abantu babulawe kwaye iza kubangathi ukhuthaza ababulali kwakunye nabadlwenguli.