Usapho lohlukene phakathi emva kokugwetywa kodlwengule umakhulu wakhe!

Uzakuchitha iminyaka emgamashumi amabini (20) engaphakathi ejele uAnda Nogwanya (24) emva kokuba ethe wavuma ngokwakhe phambi kweNkundla ityala lokudlwengula umama ozala umama wakhe oneminyaka engama76 ubudala. Esi sehlo senzeka ngomhla wesithandathu (6) kuDisemba ka2022 kumatyotyombe iEmigeni, eDucats, eMonti.

Ngokwengxelo yeNPA, ixhoba (umakhulu) nelingasekhoyo, belihlala nomama ka-Anda, uAnda kwakunye nobhuti omncinci ka-Anda kwityotyombe elinye eDucats.

Isithethi seNPA, uLuxolo Tyali, uthi, ixhoba lalishiyeke lodwa ngale mini ngethuba lihlaselwa ngumzukulwana walo uAnda – labe lizingqengqele ebhedini nekulapho uAnda wakhulula wakugqiba wanxiba isikhuseli esiyikhondom, wangena kuninakhulu emdlwengula.

UTyali, uthi, uAnda waphazanyiswa ngubhuti wakhe omncinci esiva isikhalo sika ninakhulu wangena, emva kwalombono wabiza abahlali nabafika uAnda eseze waxoka esithi uhamba ze kuba elungiselela ukuvasa.

Esi simanga saye sachazwa emaPoliseni. UAnda wavuma exelela amaPolisa ukuba ebeqhunywe licuba lomya ngethuba ebetshaya neetshomi zakhe phambi kokuba angene endlini.

Uthi wafika endlini wabe sebona umakhulu wakhe elele ebhedini. Uthi ikhondom wayenayo kuye kuba wayehleli ezakuyisebenzisa kwintombazana ancuma nayo. UTyali uthi uAnda wabonakalisa ukuzisola esithi wabethwa nangabahlali ngethuba elinde amaPolisa.

Ingxelo ithi ngaphakathi enkundleni usapho lwalohlukene phakathi, izihlobo zigxeka umama ozala uAnda zisithi nguye obambise uAnda.

Bathi ixhoba libhubhe kunyaka ophelileyo ngoMeyi lisithi malicinywe ityala njengoko uAnda engumntu okhathalayo kwaye enguye owondla usapho njengoko inguye ophangelayo ekhayeni.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Koloni, uBarry Madolo, usamkele esi sigwebo.