Ungcwatywe ngokukhawuleza ngenxa yokonakala komzimba umfundi ogetyengiweyo!

Umfundi kaGrade11 eBadi High School kuGatyane, uAkhona Ntunja (16), obhaqwe engasaphili kwihlathi kwaye nomzimba sele ungaphelelanga. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Ngokwengxelo ephuma kwilungu losapho, le ntwazana egama linguAkhona Ntunja (16), ibhaqwe emva kweentsuku idukile ehlathini, ithi ngenxa yemeko afumaneke ekuyo umzimba womntwana kubonakale ukuba makakhawuleziswe angcwatywe.

UNtunja, nobesenza uGrade11 eBadi High School, kummandla wakuMahasana kuGatyane, uhlaselwe esendleleni ebuya esikolweni ngoLwesine kwiveki ephelileyo nebeyokubhala iphepha lakhe lokugqibela leemviwo zokuphela konyaka.

Ingxelo ithi ubhaqwe ngoLwesibini kule veki kumazantsi ehlathi, nalapho iingalo zakhe zombini bezinqunyulwe kwaye umzimba ubekwe ngaphezulu kwengubo yakhe ebebuya nayo kwigxamesi egoduka njengoko ebegqiba ukubhala.

Ilungu losapho nelingu tatomkhulu kwixhoba nothethele usapho, uZimisele Ntunja, uthi oku kubaxhelile kakhulu belusapho khange bakulindele ukubhubha komntwana wabo kabuhlungu kanje.

Uqhube wathi banethamsanqa belusapho kuba amathambo omntwana wabo afumanekile kwaye bayawazi apho akhoyo ngoku. Uthi into embangela ukuba athi banethamsanqa, kukuba ayisosiganeko sokuqala esi sikumila kunje sisenzeka kula mmandla kwaye kunqabile ukuba afumaneke amaxhoba.

UNtunja uthi abakwaforenzikhi bacebise ukuba makangcwatywe ngokukhawuleza umntwana kuba wonakele kakhulu.

UAkhona ungcwatywe kusasa ngoLwesine kwikhaya lakhe kwilali yakuMahasana, kwaye ungcwatywe iingalo zakhe zingekho kuye.

Olwela amalungelo abantwana kwakunye namanina eMpuma Koloni, uPetros Majola weKhula Community Development EC, utyelele ikhaya lika-Akhona ngoLwesithathu eyokugxwala emswaneni.

Ityala livuliwe emaPoliseni kwaye kuphandwa ngesi senzo. AmaPolisa aseMpuma Koloni akwabongoza nabani na onokuba nolwazi ngesi sehlo ancedisane nawo.