Ngamalungu ababini osapho adutyulwe abhubha eMaxesibeni, abane balwela ubomi esibhedlele!

Iza kuvela ngoMvulo ngentsasa yangomso kwiNkundla kaMantyi, eMaxesibeni, indoda enamashumi amahlanu eminyaka ubudala ejongene nezityholo zokudubula ibulale amalungu amabini osapho. Inkwenkwe ena16 kunye nenkosikazi ena33 logama abane besilwela ubomi babo esibhedlele apho bafumana khona unyango.

Ingxelo ephuma kuLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa ithi ebusuku ngoLwesihlanu odlulileyo, kungene amadoda amane (azogqume ubuso) angaziwayo kwikhaya lamaxhoba kwilali yaseMkhambathini ekwidolophu yaseMaxesibeni, apho angene endlini yokuqala afika adubula isibini sabantu.

Ekugqibeni kwawo kwindlu yokuqala, angene kweyesibini afika adubula nakhona ashiya amaxhoba onzakele ngokumasikizi. Esi sine sabantu abasindileyo ngokweminyaka baphakathi kwe20 ukuya kwi50 yeminyaka.

Iqela elikhethekileyo lamaPolisa libambe umrhanelwa (50) izolo ekulindeleke ukuba avele enkundleni ngoMvulo malunga nezityholo ajongene nazo ezokubulala nokuzama ukubulala.

UMawisa uthi abathathu (3) abarhanelwa basakhangelwa. Kuyabongozwa nabani na onokuba nolwazi malunga nabarhanelwa abathathu atyelele isikhululo samaPolisa esikufutshane naye okanye atsalele ku08600 10111.