AmaPolisa abongoza intsebenziswano kubahlali baseBaziya eMthatha emva kokuba kudutyulwe abasetyhini ababini abaneminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) kunye namashumi amahlanu anesibhozo (58), abadutyulwe babhubha ngamadoda amabini angaziwayo ngobusuku bangeCawe.
Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Welile Matyolo, ithi, kunkqonkqoze amadoda amabini kwindlu ibinesi sibini sidutyuliweyo – akungena ngaphakathi abe sele edubula engabuzanga.
Oku kwenzeke kwilali iNtokozweni eBaziya emva kwentsimbi yethoba ngeCawe.
UMatyolo uthi unobangela wokubulawa kwala makhosikazi awukaziwa, okwangoku uphando lusenziwa.
Abarhanelwa abakabanjwa nekungoko amaPolisa ebongoza intsebenziswano kubahlali. Lowo unokuba nolwazi ubongozwa ukuba atsalele Inkumanda yaseMthatha Central Detectives, uLieutenant Colonel Ndzamela ku-0824420743/0860010111.
IZIMVO | Zingafunda iinkokheli zehlabathi kuTrump