Amapolisa aseMthatha avule idokethi lokubulala, emva kokuba uConstable weFlying Squad onama35 eminyaka ubudala ethe wazidubula entloko emva kokuba umzala wakhe (20) eqale wazidubula ngompu kaConstable.
Ingxelo ephuma kuCol. Priscilla Naidu ithi lo Constable kwakunye nomzala wakhe bebezonwabele nezithandwa zabo eBarraks apho kuhlala khona amapolisa ngethuba kusenzeka oku ngoMgqibelo.
UNaidu uthi umzala uphume phandle kancinci ephethe umpu kaConstable, bona abasendlini beve sele kukhala umpu xa bephuma beyokukroba bafike umzala wakhe sele esiwa ngodonga enenxeba entloko lokuzidubula.
Ingxelo iqhuba ithi lo Constable uye watatazela othukile wathatha umpu wawukhomba kuye wazibulala, wabhubha kwangoko naye. Oku kwenzeke kwisitalato iSisson eFort Gale.
ULt Gen Nomthetheli Mene wothukile sesi sehlo kwaye wadlulisa amazwi ovelwano kwezi ntsapho. Ukwayalele ukuba ngaphakathi banazo iinkqubo zoluleko, ilungu elijongene neengxaki maluthethe kwaye luye kule minyango.