Liza kuxoxwa kunyaka ozayo ityala likatitshalakazi ongenamatriki oberhola ngapha kwesigidi

UNtombelanga Pretty Labane.

Inkosikazi yaseMpumalanga, uNtombelanga Pretty Labane, uza kubuyela enkundleni kweyoKwindla kunyaka ozayo ukuza kuphendula izityholo zobuqhophololo emva kokuba erhole imali engaphaya kwesigidi seerandi (R1,2 million) esebenza njengotitshalakazi.

Izityholo kukuba uLabane akanamatriki, nangona enesidanga seBachelor of Education (B-ED).

Kutyholwa ukuba wasebenzisa isatifikethi somgunyathi sematriki ukuze afunde kwiYunivesithi iWalter Sisulu, nalapho wafumana khona isidanga sakhe.

Ephendula umbuzo weIOL, isithethi sephondo laseMpumalanga kwiGunyabantu lezoTshutshiso (NPA), uMonica Nyuswa uthe ityala likaLabane lihlehliselwe inyanga yoKwindla ukuze lichotshelwe.

ULabane, nongekho eluvalelweni, uye wavela izihlandlo ezininzi kwiNkundla kaMantyi eAmersfoort eMpumalanga, kulandela ukubanjwa kwakhe ziiHawks, ngezityholo zobuqhophololo.

Ngaphambili, isithethi seeHawks kwiphondo laseMpumalanga, uLieutenant Colonel Dineo Sekgotodi, uthe uLabane ebesebenza njengotitshalakazi ukusukela ngo2016.

Kutyholwa ukuba ngomhla wokuqala kweyoMsintsi ka2016, uLabane wafaka isicelo somsebenzi wobutitshala wokufundisa iBusiness neAccounting kwisikolo iHlelimfundo Secondary eAmersfoort, phantsi kwesekethe yaseMpumalanga iVolksrust.

“ULabane ungenise iCV, iikopi zesatifikethi somgunyathi sematriki, isidanga seB-ED, nezatifikethi zeSACE (iBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika) kwinqununu yesikolo, eyathi yazisa ikomiti yolawulo yesikolo ukuba ithathele ingqalelo isicelo sakhe. Bavumelana ke ukuba usifanele eso sikhundla,” utshilo uSekgotodi.

Inqununu yazisa iBhunga loLawulo leSikolo (SGB) ngesigqibo esithathwe yikomiti yolawulo yesikolo yaza iSGB yasixhasa eso sigqibo.

“Iqela labaphathi lamvumela uLabane ukuba enze isicelo sesithuba, kwaye wanikwa uxwebhu lwesicelo olubizwa ngokuba yiEDU 1 ukuba enze isicelo seso sikhundla. Amalungu eSGB kunye nenqununu batyikitya iifom zezicelo nge12 kweyoMsintsi ka2016. Onke amaxwebhu athunyelwa kumphathi wesekethe owawatyikitya waza wawathatha wawasa kwiofisi yesithili yeSebe leMfundo e-Ermelo,” utshilo uSekgotodi.

“Isicelo sathunyelwa kwicandelo lobhaliso lweHuman Resource Persal, saza sathunyelwa kwicandelo elijongene nezengqesho nabasebenzi. Emva kokuba icandelo lezengqesho nabasebenzi liyihlolile, yathunyelwa kwicandelo lezengqesho apho yathi yafakwa kwinkqubo waze uLabane waqashwa.”

Ingxaki yaqala kuLabane xa umntu owayesazi ukuba lo wasetyhini akazange aphumelele imatriki, wabika lo mba kwiiofisi zeKomishoni yeNkonzo kaRhulumente eMpumalanga.

Lo mba uye waphandwa yiKomishoni yeNkonzo kaRhulumente.

“Emva kophando, iziphumo kunye nezindululo ziye zenziwa.

“Inqununu, umphathi wesekethe kunye neofisi yesithili babuzwa ngesatifikethi sematriki somgunyathi baza banika ingxelo yokuba abakhange baqaphele ukuba sesomgunyathi njengoko bengenazo izixhobo zokungqinisisa ukunyaniseka kwala maxwebhu. IKomishini yeNkonzo kaRhulumente iwudlulisele lo mba kwicandelo lophando lolwaphulomthetho olunobuzaza lweeHawks elizinze eSecunda ukuze baqhube uphando kweyeKhala ngo2022,” utshilo uSekgotodi.

Isithethi seeHawks sicacisele i-IOL ukuba uLabane akakho eluvalelweni, nanjengoko bekungekakhutshwa myalelo wokubanjwa kwakhe.

Ngexesha lophando olwenziwa liqela leeHawks, kwafumaniseka ukuba uLabane akanaso isatifikethi sematriki, kwaye wabhala imatriki izihlandlo ezine – ngo2003, 2004, 2005 nango2006.

Kuwo onke amalinge akhe amane, iiHawks zithi uLabane wasilela ephinda-phinda ukuphumelela imatriki.

“ULabane emva koko wafoja isatifikethi sematriki ngokufaka le nombolo yesatifikethi: 040 9517 7028 B eyayiyeyomnye umntu ogama linguNozipho Ritta Ngema. Iziphumo ebezivela kwisatifikethi sakhe somgunyathi sematriki ibingezoziphumo zakhe zokwenyani,” ngokutsho kweeHawks.

ULabane wathatha isatifikethi sakhe sematriki somgunyathi waza wafaka isicelo sokufunda kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu apho wafumana isidanga sakhe seBachelor of Education (B-ED).

Eli bali liqale lavela kwi-IOL.